Amaculo 129

129
ICULO CXXIX.
Iculo lezinyuko.
1KUKANINZI bendibandezele kwa sebutsheni bam; (makatsho ke u‐Sirayeli;) 2kukaninzi bendibandezele kwa sebutsheni bam; abandoyisanga noko. 3Abapulushi bapulusha emhlana wam; benza mide imiqela yabo. 4Uyehova ulungile: uzitshecile intambo zabakohlakeleyo.
5Mabadaniswe, banqandelwe ngomva, bonke abo batiya i‐Ziyone. 6Mababe njengenca pezu kwezindlu, ebunayo ingekancotulwa; 7ati umsiki angazalisi isandla sake ngayo, nobopayo izitungu angazalisi isifuba sake; 8bangatsho nabo badlulayo ukuti: Isitamsanqeliso sikayehova masibe pezu kwenu; siyanitamsanqelisa egameni likayehova.

Currently Selected:

Amaculo 129: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena