Amaculo 121
121
ICULO CXXI.
Iculo lezinyuko.
1AMEHLO am ndowapakamisela ezintabeni, apo luya kuvela kona uncedo lwam. 2Uncedo lwam luvela kuyehova, owenza izulu nomhlaba.
3Akayi kuvumela ukuba kushukunyiswe unyawo lwako: okugcinayo akayi kwozela. 4Kangela, ogcina u‐Sirayeli akayi kwozela, angalali nobutongo. 5Nguyehova okugcinayo: uyehova ungumtunzi wako kwesokunene sako. 6Ilanga aliyi kukubeta emini, nenyanga ebusuku. 7Uyehova wokugcina ebubini bonke; wogcina umpefumlo wako. 8Uyehova wogcina ukupuma kwako nokungena kwako, kwa kaloku nje, nakude kube ngunapakade.
Currently Selected:
Amaculo 121: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.