Amaculo 122

122
ICULO CXXII.
Iculo lezinyuko, lika‐Davide.
1NDAVUYA bakuti kum: Masiye endlwini kayehova. 2Inyawo zetu zimi emasangweni ako, Yerusaleme!
3I‐Yerusaleme yakiwe njengesixeko esibandakanyekile kunye: 4apo izizwe zinyukela kona, izizwe zikayehova, ngesinqi̔nelo ko‐Sirayeli, ukuya kubulela egameni likayehova. 5Ngokuba apo kuhleli iterone zokugweba, iterone zendlu ka‐Davide.
6Celelani i‐Yerusaleme uxolo: boba sekwonwabeni abo bakutandayo. 7Makubeko uxolo pakati kwendonga zako, nokwonwaba pakati kwenqaba zako. 8Ngenxa yabazalwana bam nabahlobo bam, ndiya kuteta ke, nditi: Uxolo malube pakati kwako. 9Ngenxa yendlu kayehova, katixo wetu, ndokufunela okulungileyo.

Currently Selected:

Amaculo 122: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena