Kumbula ilizwi esicakeni sako, onditembisileyo pezu kwalo. Oku kulututuzelo lwam ebunzimeni bam: ngokuba ilizwi lako lindipilisile. Abaner̔atshi bandigculele kakulu; andishenxanga noko emtetweni wako. Ndikumbule izigwebo zako kwa kudala, YEHOVA! ndaza ndazitutuzela. Ukunkwantya kundibambile, ngenxa yabakohlakeleyo abashiya umteto wako. Imimiso yako ibingamaculo kum, endlwini yokupambukela kwam. Ndikumbule igama lako. YEHOVA! ebusuku, ndagcina umteto wako. Ndandinako oku, ngokuba ndibe ndibamba ingxelo zako. Usisabelwa sam, YEHOVA! ndite ndiya kugcina amazwi ako. Ndakungela ubuso bako ngentliziyo yonke: yiba nofefe kum njengokwelizwi lako. Ndakumbulela indlela zam, ndaguqula inyawo zam ngasezinqi̔nelweni zako. Ndakanleza, ndingazilazilanga, ukugcina imiyalelo yako. Imigibe yabakohlakeleyo indingqongile: andilibalanga umteto wako noko. Pakati kwobusuku ndiya kupapama ndibulele kuwe, ngenxa yezigwebo zako ezilungileyo. Ndingumlingane wabo bonke abakwoyikayo, nabo bazigcinayo ingxelo zako. Umhlaba, YEHOVA! uzele bububele bako: ndifundise imimiso yako.
Funda Amaculo 119
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: Amaculo 119:49-64
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo