HAI itamsanqa labandlela ilungile, abahambayo emtetweni KAYEHOVA! Hai itamsanqa lababamba izinqi̔nelo zake, abamfuna ngentliziyo yonke; abati kanjalo bangenzi inkohlakalo, babambe ezindleleni zake! Wena usiyalele ukuba kugcinwe ingxelo zako kakulu. Azaba indlela zam zaqiniselwa ukugcina imimiso yako! Oko andiyi kudaniswa, nxa ndiyigqalayo yonke imiyalelo yako. Ndokudumisa ngolungelelwano lwentliziyo, nxa ndizifundileyo izigwebo zako ezilungileyo. Imimiso yako ndoyigcina: zungandishiyi kanye. Indodana iya kucokisa nganto nina indlela yayo? Ngokuyigcina njengokwelizwi lako. Ndikufunile ngentliziyo yam yonke; zungavumeli ukuba ndilahlekane nemiyalelo yako. Ilizwi lako ndilibekele entliziyweni yam, ukuze ndingoni ngakuwe. Udumisekile, YEHOVA! ndifundise imimiso yako. Ngowam umlomo ndishumayele zonke izigwebo zomlomo wako. Ndivuyile endleleni yezinqi̔nelo zako, njengapezu kwendyebo zonke. Ndiya kucinga ingxelo zako, ndigqale indlela zako. Ndiya kuziyolisa emimisweni yako: andiyi kulibala ilizwi lako. Yenzela isicaka sako okulungileyo, ukuba ndidle ubomi, ndigcine ilizwi lako. Tyila amehlo am, ndize ndikangele imimangaliso yasemtetweni wako. Ndingowasemzini emhlabeni: zungandifihleli imiyalelo yako. Umpefumlo wam uyapuka ngokunqwenela izigwebo zako ngamaxa onke. Ubatetisile abaner̔atshi abaqalekisiweyo, abalahlekanayo nemiyalelo yako. Songa kum ugxeko nodelo; ngokuba izinqi̔nelo zako ndizibambile. Kwa nenkosi zahlala zateta ngakum: kodwa isicaka sako sacinga imimiso yako. Izinqi̔nelo zako nazo ziluyolo lwam; zingabacebisi bam. Umpefumlo wam unamatele elutulini: ndipilise njengokwelizwi lako. Ndizishumayele indlela zam, wandiva: ndifundise imimiso yako. Ndiqondise indlela yengxelo zako; ndandiya kuteta ngayo imimangaliso yako. Umpefumlo wam uyanyibilika ngosizi: ndomeleze njengokwelizwi lako. Shenxisa kum indlela yobuxoki; undipe umteto wako ngofefe. Ndiqashile indlela yenyaniso: izigwebo zako ndizibekile pambi kwam. Ndinamatele ezinqi̔nelweni zako: YEHOVA! zungandidanisi. Ndiya kugitshima endleleni yemiyalelo yako, nxa uya kuyenza banzi intliziyo yam. Ndifundise indlela yemimiso yako, YEHOVA! ndandiya kuyibamba kude kube sekupeleni. Ndiqondise, ndandiya kubamba umteto wako, ndiwugcine ngentliziyo yonke. Ndikokele endleleni yemiyalelo yako; ngokuba ndikolisiwe yiyo. Tobela intliziyo yam ezinqi̔nelweni zako, kungabi kuyo inzuzo ekohlakeleyo. Dlulisa amehlo am angaboni okungendawo: ndipilise endleleni yako. Qinisa ilizwi lako esicakeni sako, esisekwoyikeni wena. Dlulisa ukugxekwa kwam endikwoyikayo: ngokuba izigwebo zako zilungile. Kangela, ndikanukile ingxelo zako: ndipilise ngobulungisa bako.
Funda Amaculo 119
Share
Compare All Versions: Amaculo 119:1-40
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos