Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IINDUMISO 119:1-40

IINDUMISO 119:1-40 XHO96

Hay' inyhweba yabantu abamsulwa; nditsho abo baziphatha ngokwemiyalelo *kaNdikhoyo. Banoyolo abo bayithobelayo imfundiso kaNdikhoyo, abayilulamelayo ngomxhelo wabo wonke, abantu abangabenziyo ububi, koko abahamba endleleni kaNdikhoyo. Kaloku wena, Ndikhoyo, wasinika imimiselo yakho, ukuze siyithobele ngenyameko. Akwaba bendingachul' ukunyathela, ndiyinonophele imithetho yakho. Ukuba ndizibambile iziyalo zakho, andisoze ndibhaqwe lihlazo. Ndakusazi isigwebo sakho esingenagobe, ndiya kukuncoma ngenene nangenyaniso. Mna ndiya kuyithobela imithetho yakho; awu, nceda ungandilahli kuphele. Lungaziphatha kanjani ulutsha ukuze ihambo yalo ibe nyulu? Ngokuthobela ilizwi lakho. Ndizimisele ukukulandela ngokupheleleyo; ndincede ndingaze ndizidele iziyalo zakho. Ndihamba ngokomlomo wakho, khon' ukuze ndingoni. Awu! Bayethe, *Mhlekazi! Khawundifundise imithetho yakho. Mna ndiya kuzibhengeza zonke izigqibo zakho. Kum ziluyolo izithethe zakho; zingaphezu kwabo bonke ubutyebi. Ndiya kucamngca ngemimiselo yakho, ndizinyamekele iindlela zakho. Ndiyayithakazelela imithetho yakho; soze ndilityeshele ilizwi lakho. Ndazelele, mna sicaka sakho, ukuze ndibudle ubomi, ndilithobele ilizwi lakho. Nceda undivule amehlo, ndiziqonde iintsonkotha ezisemyalelweni wakho. Ndilundwendwe apha emhlabeni; ndicacisele imiqathango yakho. Umoya wam uhlala wonganyelwe kukulangazelela isigwebo sakho. Wena uyabakhalimela abaziphakamisayo; baseshweni abanxaxhayo kwiziyalo zakho. Ndihlambe kwizinyeliso nezigculelo, kuba ndiyayithobela imfundiso yakho. Nokuba zingade zindibhunge iziphathamandla, mna sicaka sakho ndiya kucamngca ngemithetho yakho. Kambe ke andiziva ngezithethe zakho, kuba ziyintonga yam yasekhosi. Awu, ndiphelelwe, ndiyimvuthuluka; ndihlaziye ngokwesithembiso sakho. Undivile ndakuzandlala; nceda undifundise imithetho yakho. Ndifundise amasolotya emimiselo yakho, khon' ukuze ndicamngce ngemimangaliso yakho. Iinzingo ziwuvikivile umoya wam; khawundomeleze ngokwelizwi lakho. Ndihlangule kuyo inkohliso; ewe, ndibabale undifundise imiyalelo yakho. Ndenze isigqibo sokuba ndinyaniseke; ndizimisele ukusithobela isigwebo sakho. Ndinamathele kwizithethe zakho, *Ndikhoyo, ngoko ke mandingaphoxeki. Ndiya kuhamba ngokwemiqathango yakho, kuba wena uyivulile ingqiqo yam. Awu, *Ndikhoyo, ndifundise imithetho yakho, ukuze ndihlale ndiyithobela maxa onke. Ndivule ingqondo, ndiwuthobele umyalelo wakho; ndiya kuwulandela ngomxhelo wam wonke. Ndikhokele ngeziyalo zakho, kuba zona ziligugu lam. Intliziyo yam mayinxanele imfundiso yakho ndaweni yokusukelana nenzuzo yobuqhophololo. Ndincede ndingalibali zizinto eziphuthileyo; mandiphile ngokwenza ukuthanda kwakho. Idinga lakho malifezekiswe kum, mna sicaka sakho; kaloku lelâbo bakuthobelayo. Ndihlangule ezenyelisweni, kuba ndiyazoyika; ke zona izigqibo zakho zifezekile. Ewe, andiziva ngemimiselo yakho; ndihlaziye ngobulungisa bakho.