IINDUMISO 119:1-40
IINDUMISO 119:1-40 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Hayi, uyolo lwabandlela igqibeleleyo, Bona bahambayo ngomyalelo kaYehova! Hayi, uyolo lwababambe izingqiniso zakhe, Abamquqelayo ngentliziyo epheleleyo! Àbasebenzi nokusebenza bugqwetha, Bayahamba ngeendlela zakhe. Ùzimisile iziyalezo zakho, Ukuba zigcinwe kunene. Azaba iindlela zam bezibhekiselwe Ukugcina imimiselo yakho! Bendingayi kudana ke Ekubhekeni kwam kwimithetho yakho yonke. Ndiya kubulela kuwe ngentliziyo ethe tye, Ekuzifundeni kwam izigwebo zobulungisa bakho. Ndiya kuyigcina imimiselo yakho, Musa ukundishiya kuphele. Umfana uya kuwuqaqambisa ngantoni na umendo wakhe? Ngokuzigcina ngokwelizwi lakho. Ndiya kuquqela kuwe ngentliziyo yam yonke; Musa ukundilahlekanisa nemithetho yakho. Ndiyibeké intetho yakho entliziyweni yam, Ukuze ndingoni kuwe. Ungowokubongwa, Yehova; Ndífundise imimiselo yakho. Ndiyawabalisa ngemilebe yomlomo wam Onke amasiko omlomo wakho. Ndinemihlali endleleni yezingqiniso zakho, Ngathi kusebuncwaneni bonke. Ndiya kucamngca ngeziyalezo zakho, Ndibheke kumendo wakho. Ndiyaziyolisa ngemimiselo yakho; Andiyi kulilibala ilizwi lakho. Mphathe kakuhle umkhonzi wakho, ndidle ubomi, Ndigcíne ilizwi lakho. Vula amehlo am, ukuba ndiyibone Imisebenzi ebalulekileyo yasemyalelweni wakho. Ndingumphambukeli ehlabathini, Musa ukuyisithelisa kum imithetho yakho. Umphefumlo wam ucumkile ngokulangazelela Amasiko akho ngamaxesha onke. Ùbakhalimele abakhukhumali, Ábaqalekiswa abo, balahlekeneyo nemithetho yakho. Shenxisa imke kum ingcikivo nendelo, Ngokuba ndizibambile izingqiniso zakho. Nangona abathetheli behlala bathethe ngam, Umkhonzi wakho yena ucamngca ngemimiselo yakho. Izingqiniso zakho ziziyoliso zam noko, Zingamaphakathi am. Umphefumlo wam unamathéle eluthulini; Ndíphilise ngokwelizwi lakho. Ndizicacisile iindlela zam, wandiphendula; Ndífundise imimisela yakho. Ndíqondise iindlela zeziyalezo zakho, Ndicamngce ngemisebenzi yakho ebalulekileyo. Umphefumlo wam uvuza iinyembezi sisingqala, Ndímise ngokwelizwi lakho. Indlela yobuxoki yisuse kum; Ndíbabale umyalelo wakho. Ndiyinyúle indlela yokuthembeka; Amasiko akho ndijolisé kuwo. Ndinamathéle ezingqinisweni zakho; Musa ukundidanisa, Yehova. Ndigidima ngendlela yemithetho yakho, Ngokuba uyenzé banzi intliziyo yam. Ndíyalele, Yehova, indlela yemimiselo yakho, Ndiyibàmbe kuphele. Ndíqondise, ndibámbe umyalelo wakho, Ndiwugcìne ngentliziyo yonke. Ndínyathelise endleleni yemithetho yakho, Ngokuba ndiyithandile. Intliziyo yam yithobele ezingqinisweni zakho, Ungayithobeli ekubaweni. Dlulisa amehlo am angakhangeli inkohlakalo, Ndíphilise ngeendlela zakho. Zalisa kumkhonzi wakho intetho yakho, Eyokuba bakoyike. Yidlulise ingcikivo yam endinxunguphala yiyo, Ngokuba amasiko akho alungile. Nanku ndilangazelela iziyalezo zakho, Ndíphilise ngobulungisa bakho.

IINDUMISO 119:1-40 IBHAYIBHILE (XHO96)
Hay' inyhweba yabantu abamsulwa; nditsho abo baziphatha ngokwemiyalelo *kaNdikhoyo. Banoyolo abo bayithobelayo imfundiso kaNdikhoyo, abayilulamelayo ngomxhelo wabo wonke, abantu abangabenziyo ububi, koko abahamba endleleni kaNdikhoyo. Kaloku wena, Ndikhoyo, wasinika imimiselo yakho, ukuze siyithobele ngenyameko. Akwaba bendingachul' ukunyathela, ndiyinonophele imithetho yakho. Ukuba ndizibambile iziyalo zakho, andisoze ndibhaqwe lihlazo. Ndakusazi isigwebo sakho esingenagobe, ndiya kukuncoma ngenene nangenyaniso. Mna ndiya kuyithobela imithetho yakho; awu, nceda ungandilahli kuphele. Lungaziphatha kanjani ulutsha ukuze ihambo yalo ibe nyulu? Ngokuthobela ilizwi lakho. Ndizimisele ukukulandela ngokupheleleyo; ndincede ndingaze ndizidele iziyalo zakho. Ndihamba ngokomlomo wakho, khon' ukuze ndingoni. Awu! Bayethe, *Mhlekazi! Khawundifundise imithetho yakho. Mna ndiya kuzibhengeza zonke izigqibo zakho. Kum ziluyolo izithethe zakho; zingaphezu kwabo bonke ubutyebi. Ndiya kucamngca ngemimiselo yakho, ndizinyamekele iindlela zakho. Ndiyayithakazelela imithetho yakho; soze ndilityeshele ilizwi lakho. Ndazelele, mna sicaka sakho, ukuze ndibudle ubomi, ndilithobele ilizwi lakho. Nceda undivule amehlo, ndiziqonde iintsonkotha ezisemyalelweni wakho. Ndilundwendwe apha emhlabeni; ndicacisele imiqathango yakho. Umoya wam uhlala wonganyelwe kukulangazelela isigwebo sakho. Wena uyabakhalimela abaziphakamisayo; baseshweni abanxaxhayo kwiziyalo zakho. Ndihlambe kwizinyeliso nezigculelo, kuba ndiyayithobela imfundiso yakho. Nokuba zingade zindibhunge iziphathamandla, mna sicaka sakho ndiya kucamngca ngemithetho yakho. Kambe ke andiziva ngezithethe zakho, kuba ziyintonga yam yasekhosi. Awu, ndiphelelwe, ndiyimvuthuluka; ndihlaziye ngokwesithembiso sakho. Undivile ndakuzandlala; nceda undifundise imithetho yakho. Ndifundise amasolotya emimiselo yakho, khon' ukuze ndicamngce ngemimangaliso yakho. Iinzingo ziwuvikivile umoya wam; khawundomeleze ngokwelizwi lakho. Ndihlangule kuyo inkohliso; ewe, ndibabale undifundise imiyalelo yakho. Ndenze isigqibo sokuba ndinyaniseke; ndizimisele ukusithobela isigwebo sakho. Ndinamathele kwizithethe zakho, *Ndikhoyo, ngoko ke mandingaphoxeki. Ndiya kuhamba ngokwemiqathango yakho, kuba wena uyivulile ingqiqo yam. Awu, *Ndikhoyo, ndifundise imithetho yakho, ukuze ndihlale ndiyithobela maxa onke. Ndivule ingqondo, ndiwuthobele umyalelo wakho; ndiya kuwulandela ngomxhelo wam wonke. Ndikhokele ngeziyalo zakho, kuba zona ziligugu lam. Intliziyo yam mayinxanele imfundiso yakho ndaweni yokusukelana nenzuzo yobuqhophololo. Ndincede ndingalibali zizinto eziphuthileyo; mandiphile ngokwenza ukuthanda kwakho. Idinga lakho malifezekiswe kum, mna sicaka sakho; kaloku lelâbo bakuthobelayo. Ndihlangule ezenyelisweni, kuba ndiyazoyika; ke zona izigqibo zakho zifezekile. Ewe, andiziva ngemimiselo yakho; ndihlaziye ngobulungisa bakho.
IINDUMISO 119:1-40 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
ALIF. Hayi, uyolo lomntu ongadyobhekiyo endleleni, Ohamba ngomyalelo kaYehova! Hayi, uyolo lwabaligcinayo amacebo akhe, Abamquqelayo ngentliziyo yabo yonke! Abenzi ububi, nabo; bahamba ngeendlela zakhe. Usiyale ukuba siyigcine imithetho yakho. Akwaba iindlela zam bezithe tye ukuqinisa unxano lwakho! Kungokunje andiyi kudana xa ndiyigcina yonke imithetho yakho. Ndiya kubulela kuwe ngentliziyo ethe tye, Ekwazini kwam ubulungisa bakho. Ndiya kuyigcina imithetho yakho; musa ukundishiya ngokupheleleyo BETH. Lo mfana uya kuyicoca ngantoni indlela yakhe? Ngokuyinikela ingqalelo kuyo ngokwelizwi lakho. Ndiya kuquqela kuwe ngentliziyo yam yonke; musa ukundilahla emithethweni yakho. Ndiligcine ilizwi lakho entliziyweni yam, ukuze ndingoni kuwe. Mawubongwe wena, Yehova, ndifundise ubulumko bakho. Ndiyawavakalisa ngomlomo wam onke amasiko omlomo wakho. Ndikholiswa yindlela yengcebiso yakho, njengobuninzi bayo. Ndiya kucamngca ngeziyalezo zakho, Ndibheke kumendo wakho. Ndiya kuvuya ngentsikelelo yakho; Andisokuze ndililibale ilizwi lakho. IGAMEL. Mphathe kakuhle umkhonzi wakho, ndiphile, Ndigcine ilizwi lakho. Vula amehlo am, ukuba ndiyibone Imisebenzi ebalulekileyo yasemyalelweni wakho. Ndingowasemzini ehlabathini; musa ukuyisithelisa kum imithetho yakho. Umphefumlo wam utyumkile ngenxa yokuba uhlala ukhumbula izigwebo zakho. Ubakhalimele abanekratshi, nabaqalekisiweyo, abatyekayo emiyalelweni yakho; Shenxisa imke kum ingcikivo nendelo; ngokuba ndiwagcinile amacebo akho. Abathetheli basoloko bethetha ngam, ke yena umkhonzi wakho lo ubekwazi ukukrokra kwakho. Amacebo akho ayandiyolisa, Namaphakathi am. IDALETE. Umphefumlo wam ubotshelelwe eluthulini; ndiphilise ngelizwi lakho. Ndazazisa iindlela zam, wandiphulaphula; Ndifundise iimfihlelo zakho. Andiyiqondi indlela yemithetho yakho; ngoko ndiya kuyibalisa imisebenzi yakho ebalulekileyo. Umphefumlo wam ulila kukuzibhijabhija; ndivuse ngelizwi lakho. Indlela yobuxoki yisuse kum; Ndibabale umyalelo wakho. Ndiyinyule indlela ethe tye, Izigwebo zakho ndizibeka phambi kwam. Ndibambelele ecebiso lakho, Nkosi, musa ukundidanisa; Ndiya kuhamba ngendlela yemithetho yakho, ukuba uyenze banzi intliziyo yam. HE. Ndifundise, Yehova, indlela yomnqweno wakho; kwaye ndiya kuyigcina kude kube sekupheleni. Ndiqondise, ndibambe umyalelo wakho; ewe, ndiya kusigcina ngentliziyo yam yonke. Ndigcine imithetho yakho; kuba ndiyayonwabela. Intliziyo yam yithobele emacengeni akho, ungayibhekiseli ebubini. Yenza amehlo am angaboni nto; Undinyathelise endleleni yakho. Mzimase intetho yakho umkhonzi wakho owoyikayo. Liphelise ihlazo lam endinxunguphalayo, Ngokuba amasiko akho alungile. Yabona, ndiyayikhumbula imiyalelo yakho; ndiphilise ngobulungisa bakho.
IINDUMISO 119:1-40 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
HAI itamsanqa labandlela ilungile, abahambayo emtetweni KAYEHOVA! Hai itamsanqa lababamba izinqi̔nelo zake, abamfuna ngentliziyo yonke; abati kanjalo bangenzi inkohlakalo, babambe ezindleleni zake! Wena usiyalele ukuba kugcinwe ingxelo zako kakulu. Azaba indlela zam zaqiniselwa ukugcina imimiso yako! Oko andiyi kudaniswa, nxa ndiyigqalayo yonke imiyalelo yako. Ndokudumisa ngolungelelwano lwentliziyo, nxa ndizifundileyo izigwebo zako ezilungileyo. Imimiso yako ndoyigcina: zungandishiyi kanye. Indodana iya kucokisa nganto nina indlela yayo? Ngokuyigcina njengokwelizwi lako. Ndikufunile ngentliziyo yam yonke; zungavumeli ukuba ndilahlekane nemiyalelo yako. Ilizwi lako ndilibekele entliziyweni yam, ukuze ndingoni ngakuwe. Udumisekile, YEHOVA! ndifundise imimiso yako. Ngowam umlomo ndishumayele zonke izigwebo zomlomo wako. Ndivuyile endleleni yezinqi̔nelo zako, njengapezu kwendyebo zonke. Ndiya kucinga ingxelo zako, ndigqale indlela zako. Ndiya kuziyolisa emimisweni yako: andiyi kulibala ilizwi lako. Yenzela isicaka sako okulungileyo, ukuba ndidle ubomi, ndigcine ilizwi lako. Tyila amehlo am, ndize ndikangele imimangaliso yasemtetweni wako. Ndingowasemzini emhlabeni: zungandifihleli imiyalelo yako. Umpefumlo wam uyapuka ngokunqwenela izigwebo zako ngamaxa onke. Ubatetisile abaner̔atshi abaqalekisiweyo, abalahlekanayo nemiyalelo yako. Songa kum ugxeko nodelo; ngokuba izinqi̔nelo zako ndizibambile. Kwa nenkosi zahlala zateta ngakum: kodwa isicaka sako sacinga imimiso yako. Izinqi̔nelo zako nazo ziluyolo lwam; zingabacebisi bam. Umpefumlo wam unamatele elutulini: ndipilise njengokwelizwi lako. Ndizishumayele indlela zam, wandiva: ndifundise imimiso yako. Ndiqondise indlela yengxelo zako; ndandiya kuteta ngayo imimangaliso yako. Umpefumlo wam uyanyibilika ngosizi: ndomeleze njengokwelizwi lako. Shenxisa kum indlela yobuxoki; undipe umteto wako ngofefe. Ndiqashile indlela yenyaniso: izigwebo zako ndizibekile pambi kwam. Ndinamatele ezinqi̔nelweni zako: YEHOVA! zungandidanisi. Ndiya kugitshima endleleni yemiyalelo yako, nxa uya kuyenza banzi intliziyo yam. Ndifundise indlela yemimiso yako, YEHOVA! ndandiya kuyibamba kude kube sekupeleni. Ndiqondise, ndandiya kubamba umteto wako, ndiwugcine ngentliziyo yonke. Ndikokele endleleni yemiyalelo yako; ngokuba ndikolisiwe yiyo. Tobela intliziyo yam ezinqi̔nelweni zako, kungabi kuyo inzuzo ekohlakeleyo. Dlulisa amehlo am angaboni okungendawo: ndipilise endleleni yako. Qinisa ilizwi lako esicakeni sako, esisekwoyikeni wena. Dlulisa ukugxekwa kwam endikwoyikayo: ngokuba izigwebo zako zilungile. Kangela, ndikanukile ingxelo zako: ndipilise ngobulungisa bako.