IINDUMISO 119:1-40

Hayi, uyolo lwabandlela igqibeleleyo, Bona bahambayo ngomyalelo kaYehova! Hayi, uyolo lwababambe izingqiniso zakhe, Abamquqelayo ngentliziyo epheleleyo! Àbasebenzi nokusebenza bugqwetha, Bayahamba ngeendlela zakhe. Ùzimisile iziyalezo zakho, Ukuba zigcinwe kunene. Azaba iindlela zam bezibhekiselwe Ukugcina imimiselo yakho! Bendingayi kudana ke Ekubhekeni kwam kwimithetho yakho yonke. Ndiya kubulela kuwe ngentliziyo ethe tye, Ekuzifundeni kwam izigwebo zobulungisa bakho. Ndiya kuyigcina imimiselo yakho, Musa ukundishiya kuphele. Umfana uya kuwuqaqambisa ngantoni na umendo wakhe? Ngokuzigcina ngokwelizwi lakho. Ndiya kuquqela kuwe ngentliziyo yam yonke; Musa ukundilahlekanisa nemithetho yakho. Ndiyibeké intetho yakho entliziyweni yam, Ukuze ndingoni kuwe. Ungowokubongwa, Yehova; Ndífundise imimiselo yakho. Ndiyawabalisa ngemilebe yomlomo wam Onke amasiko omlomo wakho. Ndinemihlali endleleni yezingqiniso zakho, Ngathi kusebuncwaneni bonke. Ndiya kucamngca ngeziyalezo zakho, Ndibheke kumendo wakho. Ndiyaziyolisa ngemimiselo yakho; Andiyi kulilibala ilizwi lakho. Mphathe kakuhle umkhonzi wakho, ndidle ubomi, Ndigcíne ilizwi lakho. Vula amehlo am, ukuba ndiyibone Imisebenzi ebalulekileyo yasemyalelweni wakho. Ndingumphambukeli ehlabathini, Musa ukuyisithelisa kum imithetho yakho. Umphefumlo wam ucumkile ngokulangazelela Amasiko akho ngamaxesha onke. Ùbakhalimele abakhukhumali, Ábaqalekiswa abo, balahlekeneyo nemithetho yakho. Shenxisa imke kum ingcikivo nendelo, Ngokuba ndizibambile izingqiniso zakho. Nangona abathetheli behlala bathethe ngam, Umkhonzi wakho yena ucamngca ngemimiselo yakho. Izingqiniso zakho ziziyoliso zam noko, Zingamaphakathi am. Umphefumlo wam unamathéle eluthulini; Ndíphilise ngokwelizwi lakho. Ndizicacisile iindlela zam, wandiphendula; Ndífundise imimisela yakho. Ndíqondise iindlela zeziyalezo zakho, Ndicamngce ngemisebenzi yakho ebalulekileyo. Umphefumlo wam uvuza iinyembezi sisingqala, Ndímise ngokwelizwi lakho. Indlela yobuxoki yisuse kum; Ndíbabale umyalelo wakho. Ndiyinyúle indlela yokuthembeka; Amasiko akho ndijolisé kuwo. Ndinamathéle ezingqinisweni zakho; Musa ukundidanisa, Yehova. Ndigidima ngendlela yemithetho yakho, Ngokuba uyenzé banzi intliziyo yam. Ndíyalele, Yehova, indlela yemimiselo yakho, Ndiyibàmbe kuphele. Ndíqondise, ndibámbe umyalelo wakho, Ndiwugcìne ngentliziyo yonke. Ndínyathelise endleleni yemithetho yakho, Ngokuba ndiyithandile. Intliziyo yam yithobele ezingqinisweni zakho, Ungayithobeli ekubaweni. Dlulisa amehlo am angakhangeli inkohlakalo, Ndíphilise ngeendlela zakho. Zalisa kumkhonzi wakho intetho yakho, Eyokuba bakoyike. Yidlulise ingcikivo yam endinxunguphala yiyo, Ngokuba amasiko akho alungile. Nanku ndilangazelela iziyalezo zakho, Ndíphilise ngobulungisa bakho.
IINDUMISO 119:1-40