Amaculo 112

112
ICULO CXII.
1DUMISANI uyehova. — Hai itamsanqa lomntu omoyikayo uyehova, lotanda kakulu imiyalelo yake! 2Inzalo yake yoba namandla emhlabeni: isizukulwana sabalungileyo siya kutanyusanqelwa. 3Kwobako indyebo nobutyebi endlwini yake: buti ubulungisa bake bume ngonapakade. 4Kuyapumela abalungileyo ukukanya ebumnyameni: unofefe, unenceba, unobulungisa. 5Umntu olungileyo uyenza ngofefe, aboleke; uya kulungiselela imicimbi yake ngokufaneleyo. 6Ngenyaniso akayi kushukunyiswa kude kube ngunapakade: olungisayo woba sekukunjulweni okungunapakade. 7Akayi kwoyikela indaba ezimbi; intliziyo yake iqinisiwe, itembela kuyehova. 8Intliziyo yake iqinisekile, akayi kwoyika, ade akangele pezu kwentshaba zake. 9Ucitile, wapa abasweleyo; ubulungisa bake bumi ngonapakade; upondo lwake luya kupakanyiswa ngobungcwalisa.
10Okohlakeleyo uya kubona, acapuke; uya kutshixiza amenyo ake, anyibilike: inkanuko yabakohlakeleyo yotshabalala.

Currently Selected:

Amaculo 112: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena