Amaculo 113
113
ICULO CXIII.
1DUMISANI uyehova! — Dumisani, nina zicaka zikayehova! dumisani igama likayehova. 2Malibongwe igama likayehova, kwa kaloku nje, nakude kube ngunapakade. 3Kwa sekupumeni kwelanga kude kube sekutshoneni kwalo, igama likayehova lilungel’ ukudunyiswa.
4 Uyehova upezulu pezu kwezizwe zonke; ubungcwalisa bake bupezu kwezulu. 5Ngubanina onjengoyehova, utixo wetu, ozihlalisela pezulu, 6ozitobayo ukubona okusezulwini nokusemhlabeni? 7Uyasukisa ihlwempu elutulini, uyapakamisa osweleyo enkunkumeni, 8ukuba abahlalise ndawonye nenkosi, ndawonye nenkosi zabantu bake. 9Uyahlalisa umdlolokazi endlwini, abe ngunina ovuyayo wabantwana. — Dumisani uyehova!
Currently Selected:
Amaculo 113: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.