Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Imizekeliso 23:1-16

Imizekeliso 23:1-16 XHO1902A

Nxa uhlala pantsi ukuba utye noyinkosi, gqala kunene oko kupambi kwako; uze ubeke isitshetshe emqaleni wako, ukuba ungumntu obawayo. Ungakanuki izimnandi zake; ngokuba zikukutya okuxokisayo. Ungazameli ukuba nobutyebi: ncama okwako ukuqonda. Wobekisa amehlo ako ngakubo na, bungeko nje? ngokuba ngenyamiso buzenzela amapiko; bubaleka njengokozi ngasezulwini. Ungadli ukudla kwoliso likohlakeleyo, uze ungakanuki izimnandi zake. Ngokuba, njengokuba ekumbula empefumlweni wake, ukwa njalo: Yidla, usele nokusela, utsho ke kuwe; kanti intliziyo yake ayinawe. Umtamo wako uwudlileyo wobuya uwuhlanze, uze utshabalalise amazwi ako amnandi. Musa ukuteta ezindlebeni zesidenge; ngokuba siya kudela ubuciko bamazwi ako. Musa ukushenxisa umlimandlela wakudala; kanjalo ungangeni emasimini enkedama: ngokuba umkululi wazo enamandla; yena uya kupikela ityala lazo ngakuwe. Sondeza intliziyo yako emfundisweni, nendlebe zako emazwini okwazi. Ungabambi ukwohlwaywa kumntwana; nxa umbeta ngoswazi, akayi kufa. Uya kumbeta ngoswazi, uze usindise umpefumlo wake esihogweni. Nyana wam! ukuba intliziyo yako ilumkile, yovuya eyam intliziyo, kwa eyam. Ewe, izintso zam zovuyelela, nxa umlomo wako uteta izinto ezifaneleyo.