Imizekeliso 23
23
1Nxa uhlala pantsi ukuba utye noyinkosi, gqala kunene oko kupambi kwako; 2uze ubeke isitshetshe emqaleni wako, ukuba ungumntu obawayo. 3Ungakanuki izimnandi zake; ngokuba zikukutya okuxokisayo.
4Ungazameli ukuba nobutyebi: ncama okwako ukuqonda. 5Wobekisa amehlo ako ngakubo na, bungeko nje? ngokuba ngenyamiso buzenzela amapiko; bubaleka njengokozi ngasezulwini.
6Ungadli ukudla kwoliso likohlakeleyo, uze ungakanuki izimnandi zake. 7Ngokuba, njengokuba ekumbula empefumlweni wake, ukwa njalo: Yidla, usele nokusela, utsho ke kuwe; kanti intliziyo yake ayinawe. 8Umtamo wako uwudlileyo wobuya uwuhlanze, uze utshabalalise amazwi ako amnandi.
9Musa ukuteta ezindlebeni zesidenge; ngokuba siya kudela ubuciko bamazwi ako.
10Musa ukushenxisa umlimandlela wakudala; kanjalo ungangeni emasimini enkedama: 11ngokuba umkululi wazo enamandla; yena uya kupikela ityala lazo ngakuwe.
12Sondeza intliziyo yako emfundisweni, nendlebe zako emazwini okwazi.
13Ungabambi ukwohlwaywa kumntwana; nxa umbeta ngoswazi, akayi kufa. 14Uya kumbeta ngoswazi, uze usindise umpefumlo wake esihogweni.
15Nyana wam! ukuba intliziyo yako ilumkile, yovuya eyam intliziyo, kwa eyam. 16Ewe, izintso zam zovuyelela, nxa umlomo wako uteta izinto ezifaneleyo.
17Intliziyo yako mayingabi namona ngabo aboni; kodwa ube sekumoyikeni uyehova imini yonke. 18Ngokuba ngenyaniso kuko umvuzo; netemba lako aliyi kunqunyulwa.
19Yiva wena, nyana wam! ulumke, uyihambise intliziyo yako endleleni. 20Ungabi pakati kwabaseli beveyine, napakati kwabo bazinxalayo ngenyama; 21ngokuba umnxili nozinxalayo beya kungena ebuhlwentshini; kanjalo ukwozela kwovatisa ngamajacu.
22Pulapula uyihlo owakuzalayo; uze ungadeli unyoko, nxa amdala.
23Tenga inyaniso, ungatengisi ngayo; kwa nobulumko, noluleko, nengqondo.
24Uyise wolungileyo wogcoba kakulu; nozala olumkileyo wovuya ngaye. 25Uyihlo nonyoko baya kuvuya; ewe, owakuzalayo uya kugcoba.
26Nyana wam! ndipe intliziyo yako; namehlo ako makagqale indlela zam. 27Ngokuba ingnawokazi isisihogo esinzulu, nenkazana yasemzini ingumnxuma oxineneyo. 28Kanjalo yona iyalalela njengenyangaza; iyandisa abo benzayo ngobuxoki pakati kwabantu.
29Ngubanina onobuhlungu? ngubanina onosizi? ngubanina onamapike? ngubanina onokukalaza? ngubanina onamanxeba kungeko tuba? ngubanina onobubomvu bamehlo? 30Ngabalibala kade pezu kweveyine; ngabangenayo ukufuna iveyine epitikeziweyo. 31Ungakangeli iveyine nxa ibomvu, nxa ibengezelayo ebekileni, nxa ihlayo kakuhle. 32Ukupela kwayo, iyaluma njengenyoka, iyasuzela njengebasiliske. 33Amehlo ako aya kukangela amankazana asemzini, nentliziyo yako yopimisela izinto zobumenemene. 34Wauya kuba njengolala pantsi pakati kwolwandle, nanjengolala pantsi encameni yemaste. 35Woti ke: Bandibatyule, andivanga ubuhlungu; bandibetile, ndibe ndingazi ke: ndiya kuvuka ninina? ndopinda ndiyifune kanjako.
Currently Selected:
Imizekeliso 23: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.