Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IZAFOBE 23:1-16

IZAFOBE 23:1-16 XHO96

Xa uthe wahlala phantsi ukuba udle nesikhulu, yaneliswa yiloo nto ibekwe phambi kwakho. Xa ngaba ungumntu otya gqitha wubambe umqala wakho. Musa ukuzibawela izimuncu-muncu zakhe, hleze uzibizele ingozi ngazo. Musa ukuziqoba amandla ufunana nobutyebi, ungaphulukani nengqondo yakho ngenxa yabo. Kaloku ubutyebi busuka buthi shwaka ngephanyazo; ungáde ucinge ukuba busuke bantshula amaphiko bantinga njengokhozi. Musa ukutya ukudla komntu ovimbayo, ungazibaweli izimuncu-muncu zakhe. Kaloku yena ngumntu apha osoloko ebala indleko. Noba angathi: “Yitya, usele,” akathethi loo nto entliziyweni yakhe. Ewe, iya kubuya yonke loo ntwana uyityileyo, ube uwalahlile naloo mazwi akho okuncoma. Musa ukulahla amazwi akho kumntu osisityhakala; kaloku uya kubudela ubulumko bamazwi akho. Ungaze uwugudlule umlima-ndlela wakudala, nomhlaba weenkedama musa ukuwohlutha. Kaloku uMkhululi wazo unamandla; nguye oya kubambana nawe ngenxa yazo. Zimisele ukuyiphulaphula ingqeqesho, uyibazele iindlebe yonke into oyifundiswayo. Sukuyekelela ukumqeqesha umntwana; ukuba uyamohlwaya ngoswazi akayi kufa. Kaloku ngokumohlwaya umntwana uhlangula ubomi bakhe ekufeni. Mfo wam, ndingonwaba kakhulu xa ingqondo yakho idlamkile. Ewe, ndingatsho ndibe nebhongo xa ndikuva uthetha izinto ezithe ngqo.