IMIZEKELISO 23:1-16
IMIZEKELISO 23:1-16 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Xa uthe wahlala phantsi, ukuba udle nomlawuli, zigqale izinto eziphambi kwakho; Ukuba unqwenela ukutya, beka isitshetshe emqaleni wakho. Musa ukuzinqwenela izidlo zakhe ezinencasa, Kukudla kwenkohliso. Musani ukuzisebenzela ukuba sisityebi; bushiye ngasemva ubulumko bakho. Ngaba uyathanda ukubeka amehlo akho kwindawo ephosakeleyo? Kuba okunene ubutyebi benza amaphiko; ziphaphazela njengexhalanga esibhakabhakeni. Musa ukudla isonka seliso elibi, Ungazinqweneli izidlo zakhe ezinencasa; Ngokokuba elinganisele entliziyweni yakhe, unjengoko athi kuwe, Yidla, sela; kodwa intliziyo yakhe ayikho kuwe. Uya kuyilahla loo nto uyityileyo, ulahlekelwe namazwi akho amnandi. Musa ukuthetha ezindlebeni zesinyabi, Ngokuba siya kugxeka ubulumko bamazwi akho. Musa ukuwususa umda omdala; kwaye aliyi kungena entsimini yeenkedama. Ngokuba womelele umsindisi wabo; wobambana nawe yena. Yinikele intliziyo yakho eluqeqeshweni, Ubephulaphule amazwi okwazi. Musa ukuluyeka uqeqesho lomntwana, kuba xa uthe wambetha ngentonga akayi kufa. Mbethe ngentonga, uze uwusindise umphefumlo wakhe kwelabafileyo. Nyana wam, ukuba ithe yalumka intliziyo yakho, Yovuya intliziyo yam, ewe eyam. Ewe, ziya kuvuya izintso zam xa imilebe yakho ithetha inyaniso.
IMIZEKELISO 23:1-16 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Xa uthe wahlala phantsi, ukuba udle nomlawuli, Qonda uqonde lowo uphambi kwakho; Ubeke isitshetshe emqaleni wakho, Ukuba ùngumntu onombilini. Musa ukuzinqwenela izidlo zakhe ezinencasa; Kukudla kwenkohliso. Musa ukuzidinisa ngokufuna ubutyebi; Yeka okwakho ukuqonda. Amehlo akho ùya kuwasukelisa ubutyebi na, bungekho nje? Kuba bona buzenzela amaphiko, Buphaphazela njengexhalanga elisinge ezulwini. Musa ukudla ukudla koliso libi, Ungazinqweneli izidlo zakhe ezinencasa; Kuba njengoko anjalo ocinga yedwa, únjalo yena; Úthi kuwe, Yidla usele, Ukanti intliziyo yakhe ayinawe; Umthamo wakho owudlileyo ùya kuwuhlanza, Ulahlekwe ngamazwi akho amnandi. Musa ukuthetha ezindlebeni zesinyabi; Ngokuba siya kuyidela ingqiqo yokukhuluma kwakho. Musa ukuwushenxisa umlimandlela wakudala; Ungangeni emasimini eenkedama; Kuba umkhululi wazo womelele; Wobambana nawe yena ngobambano lwazo. Yinikele intliziyo yakho eluqeqeshweni, Neendlebe zakho entethweni yokwazi. Musa ukuluyeka uqeqesho emntwaneni; Ukuba ùthe wambetha ngentonga akayi kufa. Wombetha ngentonga, Uhlangule umphefumlo wakhe kwelabafileyo. Nyana wam, ukuba ithe yalumka intliziyo yakho. Yovuya intliziyo yam, kwaeyam lo, Zidlamke izintso zam Ekuthetheni komlomo wakho okuthe tye.

IMIZEKELISO 23:1-16 IBHAYIBHILE (XHO96)
Xa uthe wahlala phantsi ukuba udle nesikhulu, yaneliswa yiloo nto ibekwe phambi kwakho. Xa ngaba ungumntu otya gqitha wubambe umqala wakho. Musa ukuzibawela izimuncu-muncu zakhe, hleze uzibizele ingozi ngazo. Musa ukuziqoba amandla ufunana nobutyebi, ungaphulukani nengqondo yakho ngenxa yabo. Kaloku ubutyebi busuka buthi shwaka ngephanyazo; ungáde ucinge ukuba busuke bantshula amaphiko bantinga njengokhozi. Musa ukutya ukudla komntu ovimbayo, ungazibaweli izimuncu-muncu zakhe. Kaloku yena ngumntu apha osoloko ebala indleko. Noba angathi: “Yitya, usele,” akathethi loo nto entliziyweni yakhe. Ewe, iya kubuya yonke loo ntwana uyityileyo, ube uwalahlile naloo mazwi akho okuncoma. Musa ukulahla amazwi akho kumntu osisityhakala; kaloku uya kubudela ubulumko bamazwi akho. Ungaze uwugudlule umlima-ndlela wakudala, nomhlaba weenkedama musa ukuwohlutha. Kaloku uMkhululi wazo unamandla; nguye oya kubambana nawe ngenxa yazo. Zimisele ukuyiphulaphula ingqeqesho, uyibazele iindlebe yonke into oyifundiswayo. Sukuyekelela ukumqeqesha umntwana; ukuba uyamohlwaya ngoswazi akayi kufa. Kaloku ngokumohlwaya umntwana uhlangula ubomi bakhe ekufeni. Mfo wam, ndingonwaba kakhulu xa ingqondo yakho idlamkile. Ewe, ndingatsho ndibe nebhongo xa ndikuva uthetha izinto ezithe ngqo.
IMIZEKELISO 23:1-16 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Xa uthe wahlala phantsi, ukuba udle nomlawuli, zigqale izinto eziphambi kwakho; Ukuba unqwenela ukutya, beka isitshetshe emqaleni wakho. Musa ukuzinqwenela izidlo zakhe ezinencasa, Kukudla kwenkohliso. Musani ukuzisebenzela ukuba sisityebi; bushiye ngasemva ubulumko bakho. Ngaba uyathanda ukubeka amehlo akho kwindawo ephosakeleyo? Kuba okunene ubutyebi benza amaphiko; ziphaphazela njengexhalanga esibhakabhakeni. Musa ukudla isonka seliso elibi, Ungazinqweneli izidlo zakhe ezinencasa; Ngokokuba elinganisele entliziyweni yakhe, unjengoko athi kuwe, Yidla, sela; kodwa intliziyo yakhe ayikho kuwe. Uya kuyilahla loo nto uyityileyo, ulahlekelwe namazwi akho amnandi. Musa ukuthetha ezindlebeni zesinyabi, Ngokuba siya kugxeka ubulumko bamazwi akho. Musa ukuwususa umda omdala; kwaye aliyi kungena entsimini yeenkedama. Ngokuba womelele umsindisi wabo; wobambana nawe yena. Yinikele intliziyo yakho eluqeqeshweni, Ubephulaphule amazwi okwazi. Musa ukuluyeka uqeqesho lomntwana, kuba xa uthe wambetha ngentonga akayi kufa. Mbethe ngentonga, uze uwusindise umphefumlo wakhe kwelabafileyo. Nyana wam, ukuba ithe yalumka intliziyo yakho, Yovuya intliziyo yam, ewe eyam. Ewe, ziya kuvuya izintso zam xa imilebe yakho ithetha inyaniso.
IMIZEKELISO 23:1-16 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Nxa uhlala pantsi ukuba utye noyinkosi, gqala kunene oko kupambi kwako; uze ubeke isitshetshe emqaleni wako, ukuba ungumntu obawayo. Ungakanuki izimnandi zake; ngokuba zikukutya okuxokisayo. Ungazameli ukuba nobutyebi: ncama okwako ukuqonda. Wobekisa amehlo ako ngakubo na, bungeko nje? ngokuba ngenyamiso buzenzela amapiko; bubaleka njengokozi ngasezulwini. Ungadli ukudla kwoliso likohlakeleyo, uze ungakanuki izimnandi zake. Ngokuba, njengokuba ekumbula empefumlweni wake, ukwa njalo: Yidla, usele nokusela, utsho ke kuwe; kanti intliziyo yake ayinawe. Umtamo wako uwudlileyo wobuya uwuhlanze, uze utshabalalise amazwi ako amnandi. Musa ukuteta ezindlebeni zesidenge; ngokuba siya kudela ubuciko bamazwi ako. Musa ukushenxisa umlimandlela wakudala; kanjalo ungangeni emasimini enkedama: ngokuba umkululi wazo enamandla; yena uya kupikela ityala lazo ngakuwe. Sondeza intliziyo yako emfundisweni, nendlebe zako emazwini okwazi. Ungabambi ukwohlwaywa kumntwana; nxa umbeta ngoswazi, akayi kufa. Uya kumbeta ngoswazi, uze usindise umpefumlo wake esihogweni. Nyana wam! ukuba intliziyo yako ilumkile, yovuya eyam intliziyo, kwa eyam. Ewe, izintso zam zovuyelela, nxa umlomo wako uteta izinto ezifaneleyo.