Imizekeliso 22
22
1IGAMA elilungileyo liqasheka pezu kwobutyebi obukulu, nembuko ebubele pezu kwesilivere negolide.
2Abazityebi nabangamahlwempu bayahlangana; uyehova ungumenzi wabo bonke.
3Otelekelelayo uyayibona ingozi, azifihle; kodwa izidenge ziyagqita, zenzakale.
4Umvuzo wolulamo olunokwoyika uyehova, bubutyebi, nodumo, nobomi.
5Kuko ameva nemigibe endleleni yogwenxa; ogcinayo umpefumlo wake wokwelela kude kuzo.
6Luleka umntwana ngokufanelene nendlela yake; woti kwa nokuya amdala, angapambuki kuyo.
7Isityebi sopata amahlwempu ngobukosi; nomboleki woba sisicaka kulowo aboleka kuye.
8Ohlwayelayo ubumenemene wovuna ububi; iti intonga yomsindo wake ipele.
9Oliso libubele, yena wotanyusanqelwa; ngokuba esipa olihlwempu kwisonka sake.
10Gxota umgxeki, lopuma ipike nalo; ewe, kwonqamka impikiswano nehlazo.
11Otanda ubungcwele bentliziyo, omlomo unofefe, ukumkani ungumhlobo wake.
12Amehlo kayehova ayagcina ukwazi; kodwa amazwi owenza ngobuxoki wowatshitshisa.
13Litsho ivila ukuti: Kuko ingonyama pandle; ndobulawa ezitarateni.
14Umlomo wamankazana asemzini usisihogo esinzulu; oqunjelwe nguyehova, uya kweyela kona.
15Ubuhilihili bubotshiwe entliziyweni yomntwana; uswazi lwokululeka lwobukwelelisa kude kuye.
16Obandezelayo ihlwempu ukuba andise okwake, esipa isityebi, woza ngenyaniso ekusweleni.
17TOBA indlebe yako, uve amazwi abalumkileyo, ubekele intliziyo yako ekwazini kwam. 18Ngokuba kuyinto emnandi, nxa uwagcina embilini wako; nxa aya kulungiselelwa kunye emlonyeni wako. 19Ukuze itemba lako libe kuye uyehova, ndikwazisile wona namhla nje, ewe, wena. 20Andikuba̔lelanga na ngapambili, ngawo amacebo nokwazi, 21ukuze ndikwazise inene yamazwi enyaniso; ukuba uyenze impendulo ngamazwi enyaniso kubo abakutumayo?
22Ungadli ihlwempu, ngenxa yokuba lilihlwempu; kanjalo ungamncinezeli obandezelweyo esangweni; 23ngokuba uyehova eya kutetelela ityala labo, abapange abo bapange bona ubomi.
24Ungadlelani nomntu onomsindo; kanjalo ungahambi nomntu ojalayo; 25hleze uqele imikwa yake, uze uṙintyele umpefumlo wako.
26Ungabi nababambana izandla, nababambela amatyala. 27Ukuba akunanto yokuhlaula, kuyinina ukuba akuhlute uku̔ko lwako ngapantsi kwako?
28Musa ukushenxisa umlimandlela wakudala, lowo bawenzayo oyihlo bako.
29Uyabona na umntu okuteleyo emsebenzini wake? uya kuma ebusweni bokumkani; akayi kuma ebusweni babamnyama.
Currently Selected:
Imizekeliso 22: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.