Ningabi nasitukutezi nganto; koko kuko konke ngokutandaza nangokukunga ndawonye nokubulela maziti ingcelo zenu zaziswe KUTIXO: lwaye uxolo LUKATIXO, oludlulayo konke ukuqonda, luya kugcina intliziyo zenu nenkumbulo zenu ku‐Kristu Yesu. Oko kuseleyo, bazalwana! izinto ezisukuba ziyinene, izinto ezisukuba zibekeka, izinto ezisukuba zifanelekile, izinto ezisukuba zicokisekile, izinto ezisukuba zitandeka, izinto ezisukuba zinokuduma okuhle; ukuba kuko into elungileyo, nokuba kuko into eyindumiso, zitelekeleleni ezizinto. Ezonto kanjalo enizifundileyo nazamkela, nenizivileyo nazibona kum, zona ezi zenzeni: waye UTIXO woxolo eya kuba nani.
Funda Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Filipi 4
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Filipi 4:6-9
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo