KWABASEFILIPI 4:6-9
KWABASEFILIPI 4:6-9 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
INkosi ikufuphi. Ningaxhaleli nto; mazithi iingcelo zenu ezintweni zonke, ngako ukuthandaza nokukhunga, ndawonye nokubulela, zaziswe kuye uThixo. Lwaye uxolo lukaThixo, olugqithisele kuko konke ukuqonda, luya kuzigcina iintliziyo zenu neengqiqo zenu kuKristu Yesu. Elokugqiba, bazalwana, ndithi, iinto zonke eziyinene, iinto zonke ezindilekileyo, iinto zonke ezibubulungisa, iinto zonke ezinyulu, iinto zonke ezithandekayo, iinto zonke eziludumo lulungileyo, ukuba kukho sidima, ukuba kukho ndumiso, zithelekeleleni ezo zinto. Kwaezo zinto nazifundayo, nazamkela, naziva, nazibona kum, yenzani zona ezo; waye uThixo woxolo eya kuba nani.
KWABASEFILIPI 4:6-9 IBHAYIBHILE (XHO96)
Sanukuba naxhala; kodwa iintswelo zenu ziseni kuThixo ngomthandazo, nimbongoze ninombulelo. Ke lona uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzalusa iintliziyo neengcinga zenu ningahlukani noKrestu. Mandiphethe ngelithi, mawethu, hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso nezindilekileyo nazo zonke izinto ezilungileyo nezinyulu, zonke ezithandekayo nezinesidima, nangezinto ezintle ngokupheleleyo kwanezincomekayo. Zenzeni zonke izinto enazivayo nezo nazibonela kum, amazwi kwanezenzo. Ke uThixo onika uxolo uya kuba nani.
KWABASEFILIPI 4:6-9 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ningaxhaleli nto; mazithi iingcelo zenu ezintweni zonke, ngako ukuthandaza nokukhunga, ndawonye nokubulela, zaziswe kuye uThixo. Lwaye uxolo lukaThixo, olugqithisele kuko konke ukuqonda, luya kuzigcina iintliziyo zenu neengqiqo zenu kuKristu Yesu. Elokugqiba, bazalwana, ndithi, iinto zonke eziyinene, iinto zonke ezindilekileyo, iinto zonke ezibubulungisa, iinto zonke ezinyulu, iinto zonke ezithandekayo, iinto zonke eziludumo lulungileyo; Ukuba ke kukho sidima, ukuba kukho ndumiso, zicingeni ezo zinto. Kwaezo zinto nazifundayo, nazamkela, naziva, nazibona kum, yenzani zona ezo; waye uThixo woxolo eya kuba nani.
KWABASEFILIPI 4:6-9 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ningabi nasitukutezi nganto; koko kuko konke ngokutandaza nangokukunga ndawonye nokubulela maziti ingcelo zenu zaziswe KUTIXO: lwaye uxolo LUKATIXO, oludlulayo konke ukuqonda, luya kugcina intliziyo zenu nenkumbulo zenu ku‐Kristu Yesu. Oko kuseleyo, bazalwana! izinto ezisukuba ziyinene, izinto ezisukuba zibekeka, izinto ezisukuba zifanelekile, izinto ezisukuba zicokisekile, izinto ezisukuba zitandeka, izinto ezisukuba zinokuduma okuhle; ukuba kuko into elungileyo, nokuba kuko into eyindumiso, zitelekeleleni ezizinto. Ezonto kanjalo enizifundileyo nazamkela, nenizivileyo nazibona kum, zona ezi zenzeni: waye UTIXO woxolo eya kuba nani.