Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Filipi 2:5-8
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Filipi 2:5-8 XHO1902A
Lenyamekelo okunene maibeko kuni, ebiko nakuye u‐Kristu Yesu: obete, esebumeni BUKATIXO nje, akaba kuyinto yokubanjwa ukulingana kwake NOTIXO, koko wazincipekisa, watabata ubume besicaka, wenziwa ekufaneni kwabantu; waza efunyenwe enesimilo njengomntu, wazitobisa, waba elulamile kwada kwasekufeni, ewe ekufeni kwekuruse.