KWABASEFILIPI 2:5-8

KWABASEFILIPI 2:5-8 XHO96

Njengoko nimanywe noYesu Krestu izimvo zenu mazifane nezakhe; kuba kaloku: Nakuba ubume bakhe babunguThixo ngenkqu, ukulingana noThixo akakubawelanga kangangokude afune ukusunduzana naye. Ndaweni yaloo nto waziqongqotha ubuyena, wathatha isimo sesicaka, waba ngumntu ncakasana. Engumntu ebantwini, wazambesa intobeko, ntobeko leyo yamsa ekufeni – ukufa kwasemnqamlezweni.