KWABASEFILIPI 2:5-8
KWABASEFILIPI 2:5-8 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Yibani nale ngcinga kuni, wayenayo kuye uKristu Yesu; Owathi, esebumeni bukaThixo, akathi ukulingana noThixo akukuphanga; usuke wazenzisa, wathabatha ubume bomkhonzi, wenziwa wafana nabantu; wathi ngemo efunyenwe enjengomntu, wazithoba, waba ngolulamileyo, wada wesa ekufeni, ukufa ke kwasemnqamlezweni.
KWABASEFILIPI 2:5-8 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Yibani nale ngcinga kuni, wayenayo kuye uKristu Yesu: yena wàthi, esebumeni bukaThixo, akathi ukulingana kwakhe oku noThixo kulixhoba; usuke wazihluba, wathabatha ubume bomkhonzi, enziwe wafana nabantu; wathi ngemo efunyenwe enjengomntu, wazithoba, waba ngolulamileyo, wada wesa ekufeni, ukufa ke kwasemnqamlezweni.
KWABASEFILIPI 2:5-8 IBHAYIBHILE (XHO96)
Njengoko nimanywe noYesu Krestu izimvo zenu mazifane nezakhe; kuba kaloku: Nakuba ubume bakhe babunguThixo ngenkqu, ukulingana noThixo akakubawelanga kangangokude afune ukusunduzana naye. Ndaweni yaloo nto waziqongqotha ubuyena, wathatha isimo sesicaka, waba ngumntu ncakasana. Engumntu ebantwini, wazambesa intobeko, ntobeko leyo yamsa ekufeni – ukufa kwasemnqamlezweni.
KWABASEFILIPI 2:5-8 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Yibani nale ngcinga kuni, wayenayo kuye uKristu Yesu; Owathi, esebumeni bukaThixo, akathi ukulingana noThixo akukuphanga; usuke wazenzisa, wathabatha ubume bomkhonzi, wenziwa wafana nabantu; wathi ngemo efunyenwe enjengomntu, wazithoba, waba ngolulamileyo, wada wesa ekufeni, ukufa ke kwasemnqamlezweni.
KWABASEFILIPI 2:5-8 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Lenyamekelo okunene maibeko kuni, ebiko nakuye u‐Kristu Yesu: obete, esebumeni BUKATIXO nje, akaba kuyinto yokubanjwa ukulingana kwake NOTIXO, koko wazincipekisa, watabata ubume besicaka, wenziwa ekufaneni kwabantu; waza efunyenwe enesimilo njengomntu, wazitobisa, waba elulamile kwada kwasekufeni, ewe ekufeni kwekuruse.