Ivangeli ka‐Maraki 6:1-29

Ivangeli ka‐Maraki 6:1-29 XHO1902A

Kekaloku wapuma apo, weza emzini wakowabo; bamlandela ke abadisipile bake. Kwati kwakufika isabata, waqala ukufundisa endlwini yentlanganiso: baza abaninzi bakuva bamangaliswa, besiti: Uzuze pina lo ezizinto? kanjalo bubulumko obunina anikwe bona, ukuba nezizenzo zamandla ezingaka zenziwa ngezandla zake? lo asi nguye na oyincibi yemiti, unyana ka‐Mariya, umzalwana ka‐Yakobi, no‐Jose, no‐Jude, no‐Simone? abako na nodade bake apa kuti? Baza baxakaniswa ngaye. Kuloko wabesiti kubo u‐Yesu: Umprofite akangongenakubekwa, kupela ungonjalo emzini wakowabo, nasezalamaneni zake, nasendlwini yake. Waza wakohlwa ukwenza izenzo zamandla kona apo; kwapela wabeka izandla pezu kwento encinane yabafayo, wabapilisa. Wakutela nqa ke ukungakolwa kwabo. WATI kekaloku wajikajikela imizi epahlayo, efundisa. Waza wababiza abalishumi linababini, waqala ukubatuma ngababini ngababini, wabanika igunya pezu kwomoya abanco̔lileyo, wabayalela, ukuba bangapati nto ibe yeyendlela, kupela ibe yintonga yodwa; bangapati inxowa, nesonka, nemali embinqweni; koko mabafakwe izihlangu; ize bangambati ingubo ezimbini. Wayesiti kubo: Apo nisukuba ningena kona endlwini, hlalani apo nide nimke kona. Nabasukuba benganamkeli nina, bengaweva namazwi enu, niti nakupuma kona, nivutulule utuli olupantsi kwenyawo zenu, kube sisinqi̔no kubo. Ngokwenene nditi kuni: Kwonyamezelekela i‐Sodome ne‐Gomora ngomhla womgwebo, ngapezu kwesosixeko. Baza bemka, bashumayela ukuba mabaguquke abantu. Bati kanjalo baku̔pa idemoni ezininzi, babatambisa ngeoli abaninzi ababesifa, babapilisa. Waza ukumkani u‐Herodi weva ngaye, (ngokuba igama lake libe lazekile,) wati: u‐Johane umbapitizeshi uvukile ekufeni; kungako oku ezizenzo zamandla zisebenzeka kuye. Bati abanye: Ngu‐Elija; bati nabanye: Ngumprofite, umhlaumbi ngonjengomnye wabaprofite. Kodwa akuva u‐Herodi, wati: Lo unguye u‐Johane, endandimnqumla intloko; uvukile yena ekufeni. Ngokuba ebete u‐Herodi ngokwake watuma wambamba u‐Johane, wamnxiba entolongweni, ngenxa ka‐Herodiya, umfazi ka‐Filipi umninawe wake, ukuba ebemzekile. Ngokuba u‐Johane ebesiti ku‐Herodi: Akufanelekile kuwe ukuba ube nomfazi womninawe wako. Waza u‐Herodiya wanenzondo ngakuye, wafuna ukumbulala; kanti ebekohliwe: ngokuba u‐Herodi ebemoyika u‐Johane, emazi ukuba uyindoda elungileyo nengcwele, wamgcina ke; wati akumva, wenza izinto ezininzi, wamva ngokuvuya. Kwaza kwati kwakufika imini efanelekileyo, xeshekweni u‐Herodi ngomhla wokuzalwa kwake wabenzela isidlo imiduna yake, nenkosiwaka, nabakulu base‐Galili; yakuti kanjalo yangena intombi ka‐Herodiya lowo, yaduda, yamkolisa u‐Herodi nabo babehleli ekutyeni ndawonye naye, wati ukumkani kuyo intombazana leyo: Cela kum into usukuba utanda ukuyicela, ndandiya kuyinika kuwe. Waza wayifungela ngokuti: Into usukuba uyicela kum, ndokunika yona, kude kube sisiqingata sobukumkani bam. Yapuma ke yati kunina: Ndocela nto nina? Wayesiti: Intloko ka‐Johane umbapitizeshi. Yaza yaselingena ngobunxamo kukumkani, yacela, isiti: Nditanda ukuba undinike kwa ngoku pezu kwesikotile intloko ka‐Johane umbaptizeshi. Waba lusizi kakulu ke ukumkani lowo; kodwa, ngenxa yesifungo sake nabo babehleli ekutyeni ndawonye naye, akatanda ukuyibandeza. Waza ukumkani waseletuma umvaṙashi, wayalela ukuba kuziswe intloko yake. Wapuma ke waya wamnqumla intloko entolongweni apo, wayizisa intloko yake pezu kwesikotile, wayinika kwintombazana leyo; yaza intombazana yayinika kunina. Bati bakuva abadisipile bake, beza basusa isidumbu sake, basibeka encw̔abeni.