Kanjalo nxa utandazayo, akuyi kuba njengabahanahanisi; ngokuba betanda ukutandaza bemi ezindlwini zentlanganiso nasekujikeni kwezitarate, ukuze babonakale ebantwini. Ngokwenene nditi kuni: Sebewamkele umvuzo wabo. Kodwa wena, nxa utandazayo, ngena enkambilini yako, uti wakuba uvalile ucango lwako, utandaze KUYIHLO osemfihlekweni; NOYIHLO obonayo emfihlekweni, uya kukuvuza ekuhleni. Kodwa nakutandaza, ningenzi imilembelele engendawo, njengabaheyideni; ngokuba beba baya kuviwa ngokuteta kwabo okuninzi. Ize ningafani nabo ke; ngokuba UYIHLO ezazi into enizisweleyo, ningekaceli kuye. Ngako tandazani nina ngokunje, niti: Bawo wetu osezulwini! Malipatwe ngobungcwele igama lako. Ubukumkani bako mabufike. Intando yako mayenziwe emhlabeni, njengokuba isenziwa ezulwini. Sipe namhla nje ukutya kwetu kwemihla ngemihla. Usixolele izono zetu, njengokuba nati sixolela abo basonayo tina. Ungasingenisi ekulingweni, zusisindise enkohlakalweni. Ngokuba bubobako ubukumkani, namandla, nobungcwalisa, kude kube ngunapakade. Amene.
Funda Ivangeli ka‐Mateyu 6
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: Ivangeli ka‐Mateyu 6:5-13
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo