UMATEYU 6:5-13
UMATEYU 6:5-13 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Naxa sukuba uthandaza, uze ungabi njengabahanahanisi; ngokuba bethanda ukuthandaza bemi ezindlwini zesikhungu nasezimbombeni zezitrato, ngokokuze babe nokubonwa ngabantu. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo. Ke wena, xa sukuba uthandaza, ngena egumbini lakho, uthi, uluvalile ucango lwakho, uthandaze kuYihlo osemfihlekweni; aze noYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni. Nithandaza njalo ke, maningenzi milembelele ingeyanto, njengabeentlanga; kuba beba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi. Ngoko maningafani nabo; kuba ekwazi uYihlo enikusweleyo, ningekamceli. Thandazani ngoko nina nenjenje: Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini. Siphe namhla isonka sethu semihla ngemihla. Usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolela abo banamatyala kuthi. Ungasingenisi ekulingweni, sihlangule enkohlakalweni. Ngokuba bubobakho ubukumkani, namandla, nozuko, kuse kuwo amaphakade. Amen.
UMATEYU 6:5-13 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Xa uthandazayo, uze ungabi njengabahanahanisi, bona bathand' ukuthandaza bemi *ezindlwini zesikhungo nasezikoneni zezitalato, ngenjongo yokuba babonwe ngabantu. Inene, sebewufumene umvuzo wabo. Ke wena, xa uthandazayo, ngena egumbini lakho, uluvale ucango, uthandaze kuYihlo ongabonwayo. Ke uYihlo, yena obona okwenzeka emfihlekweni, wokuvuza. “Ngoko ke, xa nithandazayo, ze ningenzi milembelele ingento, njengabangakholwayo, bona baba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi. Ze ningafani nabo, kuba uYihlo uyakwazi enikusweleyo ningekaceli. Thandazani ke ngoko nina nithi: “ ‘Bawo wethu osezulwini: Malaziwe lihlonelwe igama lakho, malongame ulawulo lwakho, makwenziwe ukuthanda kwakho, emhlabeni njengasezulwini. Sibonelele kwiintswelo zethu zemihla ngemihla; usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolela abasonayo; ungasiyekeli ekulingweni, koko sihlangule kumtyholi; [kuba ngenene nguwe olawulayo, namandla ngawakho, nodumo, kude kube ngunaphakade! Amen.]’
UMATEYU 6:5-13 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Naxa sukuba uthandaza, uze ungabi njengabahanahanisi; ngokuba bethanda ukuthandaza bemi ezindlwini zesikhungu nasezimbombeni zezitrato, ngokokuze babe nokubonwa ngabantu. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo. Ke wena, xa sukuba uthandaza, ngena egumbini lakho, uthi, uluvalile ucango lwakho, uthandaze kuYihlo osemfihlekweni; aze uYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni. Nithandaza njalo ke, maningenzi milembelele ingeyanto, njengabeentlanga; kuba beba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi. Ngoko maningafani nabo; kuba ekwazi uYihlo enikusweleyo, ningekamceli. Thandazani ngoko nina nenjenje: Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini. Siphe namhla isonka sethu semihla ngemihla. Usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolela abanamatyala kuthi. Ungasingenisi ekuhendweni, kodwa usihlangule ebubini. Kaloku ubukumkani bubobakho, namandla, nozuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
UMATEYU 6:5-13 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kanjalo nxa utandazayo, akuyi kuba njengabahanahanisi; ngokuba betanda ukutandaza bemi ezindlwini zentlanganiso nasekujikeni kwezitarate, ukuze babonakale ebantwini. Ngokwenene nditi kuni: Sebewamkele umvuzo wabo. Kodwa wena, nxa utandazayo, ngena enkambilini yako, uti wakuba uvalile ucango lwako, utandaze KUYIHLO osemfihlekweni; NOYIHLO obonayo emfihlekweni, uya kukuvuza ekuhleni. Kodwa nakutandaza, ningenzi imilembelele engendawo, njengabaheyideni; ngokuba beba baya kuviwa ngokuteta kwabo okuninzi. Ize ningafani nabo ke; ngokuba UYIHLO ezazi into enizisweleyo, ningekaceli kuye. Ngako tandazani nina ngokunje, niti: Bawo wetu osezulwini! Malipatwe ngobungcwele igama lako. Ubukumkani bako mabufike. Intando yako mayenziwe emhlabeni, njengokuba isenziwa ezulwini. Sipe namhla nje ukutya kwetu kwemihla ngemihla. Usixolele izono zetu, njengokuba nati sixolela abo basonayo tina. Ungasingenisi ekulingweni, zusisindise enkohlakalweni. Ngokuba bubobako ubukumkani, namandla, nobungcwalisa, kude kube ngunapakade. Amene.