“Xa uthandazayo, uze ungabi njengabahanahanisi, bona bathand' ukuthandaza bemi *ezindlwini zesikhungo nasezikoneni zezitalato, ngenjongo yokuba babonwe ngabantu. Inene, sebewufumene umvuzo wabo. Ke wena, xa uthandazayo, ngena egumbini lakho, uluvale ucango, uthandaze kuYihlo ongabonwayo. Ke uYihlo, yena obona okwenzeka emfihlekweni, wokuvuza. “Ngoko ke, xa nithandazayo, ze ningenzi milembelele ingento, njengabangakholwayo, bona baba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi. Ze ningafani nabo, kuba uYihlo uyakwazi enikusweleyo ningekaceli. Thandazani ke ngoko nina nithi: “ ‘Bawo wethu osezulwini: Malaziwe lihlonelwe igama lakho, malongame ulawulo lwakho, makwenziwe ukuthanda kwakho, emhlabeni njengasezulwini. Sibonelele kwiintswelo zethu zemihla ngemihla; usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolela abasonayo; ungasiyekeli ekulingweni, koko sihlangule kumtyholi; [kuba ngenene nguwe olawulayo, namandla ngawakho, nodumo, kude kube ngunaphakade! Amen.]’
Funda UMATEWU 6
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: UMATEWU 6:5-13
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo