Kekaloku emveni kwezontsuku wakaula u‐Elizabete umfazi wake, wazifihla kanye inyanga zantlanu, esiti: Yenje nje INKOSI kum emihleni yandikangela ngayo ukususa ihlazo lam pakati kwabantu.
Kekaloku ngenyanga yesitandatu ingelosi engu‐Gabriyeli yatunywa NGUTIXO ukuya esixekweni sase‐Galili, esigama liyi‐Nazarete, kwintombi exanyelweyo indoda egama lingu‐Josefe, ingowendlu ka‐Davide; laye igama lentombi lingu‐Mariya. Yaza yangena ingelosi kuyo, yati: A, wena ukolelweyo! INKOSI maibe nawe; utamsanqelekile wena pakati kwabafazi. Yati kekaloku yakuyibona, yaxaliswa kakulu pezu kwesiteto sayo, yacamanga ukuba ungaba ngoti nina umbuliso lo. Yaza yati ingelosi kuyo: Ungoyiki, Mariya! ngokuba ufumene ufefe KUTIXO. Kekaloku bona ke, uya kukaula esizalweni sako, uzale unyana, wauya kubiza igama lake ngo— YESU. Lowo woba mkulu, waeya kubizwa ngokuba ngunyana wopezu kwonke: kanjalo INKOSI ENGUTIXO iya kumpa iterone ka‐Davide uyise; waeya kuba ngukumkani pezu kwendlu ka‐Yakobi kude kube ngunapakade; nobukumkani bake abuyi kuba nakupela. Wayesiti u‐Mariya kuyo ingelosi: Kwoti nina ukubako oku, indoda ndingayazi nje? Yaza yapendula ingelosi yati kuye: UMOYA OYINGCWELE wohla pezu kwako, namandla opezu kwonke okusibekelela; ngoko kanjako lonto ingcwele ezalwayo nguwe iya kubizwa ngokuba ngunyana KATIXO. Kanjalo bona ke, u‐Elizabete isalamane sako, kwa naye ukaulile unyana ebudaleni bake; kekaloku le iyinyanga yesitandatu kuye obizwa ngokutiwa uludlolo: ngokuba kungeko nanye into eya kumnqabela UTIXO. Wayesiti u‐Mariya: Nasi ke isicakakazi SENKOSI; makube njalo kum njengelizwi lako. Yaza yemka kuye ingelosi.
Wati kekaloku u‐Mariya kwezontsuku wesuka waya ezweni lasezintabeni ngobunxamo, esixekweni sakwa‐Juda, wangena endlwini ka‐Zekariya, wambulisa u‐Elizabete. Kwaye kute xeshekweni u‐Elizabete weva umbuliso ka‐Mariya, waxu̔ma umntwana esizalweni sake: waza u‐Elizabete wazaliswa NGOMOYA OYINGCWELE, wapakamisa ukuteta ngelizwi elikulu, wati: Utamsanqelekile wena pakati kwabafazi, sitamsanqelekile nesixakato sesizalo sako. Kuti nina ke ukundihlela oku, ukuba unina WENKOSI yam eze kum? Ngokuba bona ke, xeshekweni ilizwi lombuliso wako langena ezindlebeni zam, umntwana waxu̔ma ngomgcobo esizalweni sam. Unetamsanqa ke lowo okoliweyo; ngokuba kuya kubako ukufezwa kwezinto ezitetiweyo kuye zivela ENKOSINI.
Waza wati u‐Mariya: Umpefumlo wam uyazukisa INKOSI, nomoya wam ugcobile KUTIXO umsindisi wam; ukuba ebukangele ubupantsi besicakakazi sake: ngokuba bona ke, emveni kwakaloku nje zonke izizukulwana ziya kuti ndinetamsanqa. Ngokuba USOMANDLA endenzele izinto ezinkulu; lingcwele ke igama lake: nobubele bake bupezu kwabamoyikayo kwizizukulwana ngezizukulwana. Wenzile ngamandla ngengalo yake: ubaci̔tile abaner̔atshi ekucingeni kwentliziyo zabo. Abanobukosi ubawisile eziteroneni, nabapantsi ubapakamisile. Abalambileyo ubahlutisile ngento ezilungileyo, nabazityebi ubandulule bengenanto. Umxasile u‐Sirayeli isicaka sake, ngokukumbula ububele bake, (njengokuba etetile kobawo betu,) ku‐Abrahame nakwinzalo yake kude kube ngunapakade.
Wati ke u‐Mariya wahlala naye, ngati zantatu inyanga, waza wabuyela endlwini yake.