Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 1:24-56

ULUKA 1:24-56 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Emveni kwayo loo mihla ke, uElizabhete umfazi wakhe wathabatha, wazizimeza iinyanga zantlanu, esithi, Yenjénje iNkosi kum ngemihla eyandikhangelayo, ukuba ikususe ukungcikiveka kwam phakathi kwabantu. Ke kaloku ngenyanga yesithandathu, isithunywa esinguGabriyeli sathunyelwa nguThixo emzini welaseGalili, ogama liyiNazarete, kwintombi, eganelwe indoda egama linguYosefu, yendlu kaDavide; laye igama lentombi leyo linguMariya. Sangena isithunywa kuye, sathi, Vuya, wena ubabalweyo! INkosi inawe; usikelelwe wena phakathi kwabafazi. Uthe ke akusibona, wee qhiphu umbilini ngenxa yelizwi laso; wayecamanga ukuba ungaba mbuliso mni na lo. Sathi ke isithunywa kuye, Musa ukoyika, Mariya; kuba ubabalwe nguThixo. Uyabona, uya kuthabatha esizalweni, uzale unyana, umthiye igama elinguYesu.• Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana wOsenyangweni; iNkosi uThixo iya kumnika itrone kaDavide, uyise, abe ngukumkani phezu kwendlu kaYakobi kude kube ngunaphakade, nobukumkani bakhe bungabi nasiphelo. Wathi ke uMariya kuso isithunywa, Kuya kuthini na ukubakho oku, ndingazani nandoda nje? Saphendula isithunywa sathi kuye, UMoya oyiNgcwele uya kuza phezu kwakho, athi namandla Osenyangweni akusibekele; kungoko loo nto ingcwele izalwa nguwe iya kubizwa ngokuba nguNyana kaThixo. Uyabona, uElizabhete, ozalana nawe, naye umithe unyana ebudaleni bakhe; nale yinyanga yesithandathu kuye, lowo bekuthiwa ngongazaliyo; ngokuba akukho nanye into eya kumnqabela yena uThixo. Wathi ke uMariya, Nanko umkhonzazana weNkosi; makwenzeke kum ngokwelizwi lakho. Saza isithunywa semka kuye. Ke kaloku, wesuka uMariya ngaloo mihla, wasinga kweleentaba ngobungxamo, emzini wakwaYuda; wangena endlwini kaZekariya, wambulisa uElizabhete. Kwathi, akuwuva uElizabhete umbuliso kaMariya, lwasuka lwaxhuma usana esizalweni sakhe, wesuka wazala nguMoya oyiNgcwele uElizabhete. Wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Ùnentsikelelo wena phakathi kwabafazi; sinentsikelelo nesiqhamo sesizalo sakho. Kuhlé ngani na kum, ukuthi unina weNkosi yam eze kum? Kuba uyabona, kuthe lakubakho izwi lombuliso wakho ezindlebeni zam, lwasuka lwaxhuma usana ngokugcoba esizalweni sam. Únoyolo lowo wakholwayo koko; ngokuba kuya kubakho inzaliseko yezo zinto zithethiweyo kuye yiNkosi. Wathi uMariya: Umphefumlo wam uyenza nkulu iNkosi, Nomoya wam ugcobile ngoThixo uMsindisi wam; Ngokuba wakukhangela ukuthobeka komkhonzazana wakhe; Kuba, uyabona, ziya kuqala kwangoku ukuthi ndingonoyolo zonke izizukulwana; Ngokuba wandenzela izinto ezinkulu uSomandla; Lingcwele igama lakhe. Yaye inceba yakhe ikwizizukulwana ngezizukulwana Kwabo bamoyikayo. Wenzé amandla ngengalo yakhe, Wabachithachitha abanekratshi ekucingeni kweentliziyo zabo. Wabawisa abanamandla ezitroneni zabo, Wabaphakamisa abathobekileyo. Wahluthisa abalambileyo ngezinto ezilungileyo; Wabandulula abazizityebi belambatha. Wasiza uSirayeli, umkhonzi wakhe, Ngokukhumbula inceba yakhe; Njengoko wathethayo koobawo bethu, KuAbraham nakwimbewu yakhe ngonaphakade. Wahlala ke uMariya naye iinyanga ngathi zaba ntathu, waza wabuyela ekhaya.

ULUKA 1:24-56 IBHAYIBHILE (XHO96)

Emva koko uElizabhete umfazi wakhe wamitha, wazifihla iinyanga zade zantlanu, wavakala esithi: “Kwenziwe yiNkosi oku. Ide yandenzela inceba, yaphelisa ukudeleka kwam phakathi kwabantu.” Ngenyanga yesithandathu isithunywa esinguGabriyeli sathunywa nguThixo kwelaseGalili, kwidolophu eyiNazarete, kwintombi eyayisendela kumfana wendlu kaDavide, ogama linguJosefu. Igama lentombi leyo lalinguMariya. Safika ke isithunywa kuye, sathi: “Bhota, wena ubabalweyo! INkosi inawe.” UMariya woyika akuweva la mazwi, waza wafuna engqondweni ukuba ngaba ngumbuliso mni na lo. Isithunywa ke sathi kuye: “Musa ukoyika, Mariya, kuba uThixo ukwenzela isisa. Uyabona, uza kumitha, uzale unyana, umthiye igama *elinguYesu. Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana kaPhezukonke. INkosi uThixo iya kummisela abe ngukumkani kwaDavide uyise, ayilawule indlu kaYakobi kude kube ngunaphakade, nolawulo lwakhe lungaze luphele. ” UMariya ke wathi kuso isithunywa: “Iya kwenzeka njani na loo nto, ndingazani nandoda nje?” Saphendula isithunywa sathi kuye: “UMoya oyiNgcwele uya kuhlela kuwe, athi amandla kaThixo uPhezukonke akufukamele. Kungoko loo mntwana ungcwele uya kuzalwa nguwe kuya kuthiwa nguNyana kaThixo. Uyabona, naye uElizabhete ozalana nawe, ukhawule unyana ebudaleni bakhe. Le yinyanga yesithandathu kuye, yena lowo bekusithiwa uludlolo. Kaloku akukho nanye into enokumnqabela uThixo. ” Wathi ke uMariya: “Ndim lo mna mkhonzazana weNkosi. Makwenzeke kum ngokwamazwi akho.” Saza semka isithunywa kuye. Ngaloo mihla wesuka uMariya, wasinga kweleentaba ngokukhawuleza, esiya edolophini yakwaJuda; waya kungena endlwini kaZakariya, wafika wambulisa uElizabhete. Kwathi akuwuva uElizabhete umbuliso kaMariya, lwasuka lwaxhuma usana esizalweni sakhe. Wafikelwa ke nguMoya oyiNgcwele uElizabhete, wadanduluka ekhwaza esithi: “Ungoyena usikelelweyo wena phakathi kwabafazi! Nomntwana oya kuzalwa nguwe usikelelwe! Bendiyintoni na kakade, ukuba ndide ndihanjelwe ngunina weNkosi yam? Yaz' ukuba, kuthe ndakuwuva umbuliso wakho, lwasuka usana lwaxhuma luvuyo esiswini sam. Unoyolo lowo ukholiweyo, kuba ilizwi elithunyelwe kuye yiNkosi liya kuzaliseka.” Wavakala uMariya esithi: “Umphefumlo wam uyayibonga iNkosi; ndaye ndigcobile ngoThixo uMsindisi wam; kuba wakuphawula ukuthobeka kwesicakazana sakhe. Ewe, ukususela ngoku zonke izizukulwana zothi ndingonoyolo, kuba undenzele izinto ezinkulu uSomandla, yena ogama lakhe lingcwele, yena onceba yakhe ikwizizukulwana ngezizukulwana zâbo bamoyikayo. Wolule ingalo yakhe enamandla, wabachitha-chitha abanekratshi ekuzicingeleni kwabo. Iinganga wazithoba kumawonga azo, waza abathobekileyo wabaphakamisa. Wahluthisa abalambileyo ngezinto ezilungileyo, wathi abazizityebi wabandulula belambatha. Wamxhasa uSirayeli umkhonzi wakhe, akayilibala inceba yakhe awayethembise ngayo koobawo bethu, kuAbraham nakwinzala yakhe ngonaphakade.” UMariya ke wahlala noElizabhete iinyanga ngathi zaba ntathu, waza wagoduka.

ULUKA 1:24-56 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Emveni ke kwezo ntsuku, uElizabhete umfazi wakhe wamitha, wazifihla iinyanga zantlanu, esithi, Yenjenje uYehova kum ngemihla eyandikhangelayo, ukuba ndikususe ukungcikiveka kwam phakathi kwabantu. Ngenyanga yesithandathu, isithunywa esinguGabriyeli sathunyelwa nguThixo emzini welaseGalili, ogama liyiNazarete, kwintombi, eganelwe indoda egama linguYosefu, yendlu kaDavide; laye igama lentombi leyo lalinguMariya. Sangena isithunywa kuye, sathi, Vuya, wena ubabalweyo! iNkosi inawe; usikelelwe wena phakathi kwabafazi. Uthe ke akusibona, wee qhiphu umbilini ngenxa yelizwi laso; wayecamanga ukuba ungaba mbuliso mni na lo. Sathi ke isithunywa kuye, Musa ukoyika, Mariya, kuba uThixo ukwenzela isisa. Uyabona, uya kuthabatha esizalweni, uzale unyana, umthiye igama elinguYesu. Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana wOsenyangweni; iNkosi uThixo iya kumnika itrone kaDavide, uyise. Uya kuba ngukumkani phezu kwendlu kaYakobi kude kube ngunaphakade; ubukumkani bakhe abuyi kuba nasiphelo. Wathi ke uMariya kuso isithunywa, Kuya kuthini na ukubakho oku, ndingazani nandoda nje? Saphendula isithunywa sathi kuye, uMoya oyiNgcwele uya kuza phezu kwakho, athi namandla Osenyangweni akusibekele; kungoko loo nto ingcwele izalwa nguwe iya kubizwa ngokuba nguNyana kaThixo. Uyabona, naye uElizabhete ozalana naye, ukhawule unyana ebudaleni bakhe; yaye le yinyanga yesithandathu kuye, lowo kwakusithiwa uludlolo. Ngokuba akukho nanye into eya kumnqabela yena uThixo. Wathi ke uMariya, Nanko umkhonzazana weNkosi; makube kum ngokwelizwi lakho. Saza isithunywa semka kuye. Ke kaloku, wesuka uMariya ngaloo mihla, wasinga kweleentaba ngobungxamo, emzini wakwaYuda; wangena endlwini kaZekariya, wambulisa uElizabhete. Kwathi, akuwuva uElizabhete umbuliso kaMariya, lwasuka lwaxhuma usana esizalweni sakhe, uElizabhete wazala nguMoya oyiNgcwele; Wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Ùnentsikelelo wena phakathi kwabafazi; sinentsikelelo nesiqhamo sesizalo sakho. Iyintoni na ke le nto kum, ukuba eze kum unina weNkosi yam? Kuthe, kuthe lakubakho izwi lombuliso wakho ezindlebeni zam, lwasuka lwaxhuma usana ngovuyo esizalweni sam. Unoyolo lowo wakholwayo koko, kuba kuya kubakho inzaliseko yezo zinto zithethiweyo kuye yiNkosi. Wathi ke uMariya, Umphefumlo wam uyenza nkulu iNkosi; Nomoya wam ugcobile ngoThixo uMsindisi wam; Kuba wakukhangela ukuthobeka komkhonzazana wakhe; kuba, uyabona, ziya kuqala kwangoku ukuthi ndingonoyolo zonke izizukulwana. Ngokuba undenzele izinto ezinkulu uSomandla; lingcwele igama lakhe. Inceba yakhe ikwizizukulwana ngezizukulwana Kwabo bamoyikayo. Wenze amandla ngengalo yakhe; ubachithachithe abanekratshi ekucingeni kweentliziyo zabo. Ubathobile abanamandla ezitroneni zabo, wabaphakamisa abathobekileyo. Wahluthisa abalambileyo ngezinto ezilungileyo; wabandulula abazizityebi belambatha. Wasiza uSirayeli, umkhonzi wakhe, ngokukhumbula inceba yakhe; Njengoko wathethayo koobawo bethu, kuAbraham nakwimbewu yakhe ngonaphakade. Wahlala ke uMariya naye iinyanga ngathi zaba ntathu, waza wabuyela endlwini yakhe.

ULUKA 1:24-56 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Kekaloku emveni kwezontsuku wakaula u‐Elizabete umfazi wake, wazifihla kanye inyanga zantlanu, esiti: Yenje nje INKOSI kum emihleni yandikangela ngayo ukususa ihlazo lam pakati kwabantu. Kekaloku ngenyanga yesitandatu ingelosi engu‐Gabriyeli yatunywa NGUTIXO ukuya esixekweni sase‐Galili, esigama liyi‐Nazarete, kwintombi exanyelweyo indoda egama lingu‐Josefe, ingowendlu ka‐Davide; laye igama lentombi lingu‐Mariya. Yaza yangena ingelosi kuyo, yati: A, wena ukolelweyo! INKOSI maibe nawe; utamsanqelekile wena pakati kwabafazi. Yati kekaloku yakuyibona, yaxaliswa kakulu pezu kwesiteto sayo, yacamanga ukuba ungaba ngoti nina umbuliso lo. Yaza yati ingelosi kuyo: Ungoyiki, Mariya! ngokuba ufumene ufefe KUTIXO. Kekaloku bona ke, uya kukaula esizalweni sako, uzale unyana, wauya kubiza igama lake ngo— YESU. Lowo woba mkulu, waeya kubizwa ngokuba ngunyana wopezu kwonke: kanjalo INKOSI ENGUTIXO iya kumpa iterone ka‐Davide uyise; waeya kuba ngukumkani pezu kwendlu ka‐Yakobi kude kube ngunapakade; nobukumkani bake abuyi kuba nakupela. Wayesiti u‐Mariya kuyo ingelosi: Kwoti nina ukubako oku, indoda ndingayazi nje? Yaza yapendula ingelosi yati kuye: UMOYA OYINGCWELE wohla pezu kwako, namandla opezu kwonke okusibekelela; ngoko kanjako lonto ingcwele ezalwayo nguwe iya kubizwa ngokuba ngunyana KATIXO. Kanjalo bona ke, u‐Elizabete isalamane sako, kwa naye ukaulile unyana ebudaleni bake; kekaloku le iyinyanga yesitandatu kuye obizwa ngokutiwa uludlolo: ngokuba kungeko nanye into eya kumnqabela UTIXO. Wayesiti u‐Mariya: Nasi ke isicakakazi SENKOSI; makube njalo kum njengelizwi lako. Yaza yemka kuye ingelosi. Wati kekaloku u‐Mariya kwezontsuku wesuka waya ezweni lasezintabeni ngobunxamo, esixekweni sakwa‐Juda, wangena endlwini ka‐Zekariya, wambulisa u‐Elizabete. Kwaye kute xeshekweni u‐Elizabete weva umbuliso ka‐Mariya, waxu̔ma umntwana esizalweni sake: waza u‐Elizabete wazaliswa NGOMOYA OYINGCWELE, wapakamisa ukuteta ngelizwi elikulu, wati: Utamsanqelekile wena pakati kwabafazi, sitamsanqelekile nesixakato sesizalo sako. Kuti nina ke ukundihlela oku, ukuba unina WENKOSI yam eze kum? Ngokuba bona ke, xeshekweni ilizwi lombuliso wako langena ezindlebeni zam, umntwana waxu̔ma ngomgcobo esizalweni sam. Unetamsanqa ke lowo okoliweyo; ngokuba kuya kubako ukufezwa kwezinto ezitetiweyo kuye zivela ENKOSINI. Waza wati u‐Mariya: Umpefumlo wam uyazukisa INKOSI, nomoya wam ugcobile KUTIXO umsindisi wam; ukuba ebukangele ubupantsi besicakakazi sake: ngokuba bona ke, emveni kwakaloku nje zonke izizukulwana ziya kuti ndinetamsanqa. Ngokuba USOMANDLA endenzele izinto ezinkulu; lingcwele ke igama lake: nobubele bake bupezu kwabamoyikayo kwizizukulwana ngezizukulwana. Wenzile ngamandla ngengalo yake: ubaci̔tile abaner̔atshi ekucingeni kwentliziyo zabo. Abanobukosi ubawisile eziteroneni, nabapantsi ubapakamisile. Abalambileyo ubahlutisile ngento ezilungileyo, nabazityebi ubandulule bengenanto. Umxasile u‐Sirayeli isicaka sake, ngokukumbula ububele bake, (njengokuba etetile kobawo betu,) ku‐Abrahame nakwinzalo yake kude kube ngunapakade. Wati ke u‐Mariya wahlala naye, ngati zantatu inyanga, waza wabuyela endlwini yake.