Emveni kwayo loo mihla ke, uElizabhete umfazi wakhe wathabatha, wazizimeza iinyanga zantlanu, esithi, Yenjénje iNkosi kum ngemihla eyandikhangelayo, ukuba ikususe ukungcikiveka kwam phakathi kwabantu.
Ke kaloku ngenyanga yesithandathu, isithunywa esinguGabriyeli sathunyelwa nguThixo emzini welaseGalili, ogama liyiNazarete, kwintombi, eganelwe indoda egama linguYosefu, yendlu kaDavide; laye igama lentombi leyo linguMariya. Sangena isithunywa kuye, sathi, Vuya, wena ubabalweyo! INkosi inawe; usikelelwe wena phakathi kwabafazi.
Uthe ke akusibona, wee qhiphu umbilini ngenxa yelizwi laso; wayecamanga ukuba ungaba mbuliso mni na lo.
Sathi ke isithunywa kuye, Musa ukoyika, Mariya; kuba ubabalwe nguThixo. Uyabona, uya kuthabatha esizalweni, uzale unyana, umthiye igama elinguYesu.• Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana wOsenyangweni; iNkosi uThixo iya kumnika itrone kaDavide, uyise, abe ngukumkani phezu kwendlu kaYakobi kude kube ngunaphakade, nobukumkani bakhe bungabi nasiphelo.
Wathi ke uMariya kuso isithunywa, Kuya kuthini na ukubakho oku, ndingazani nandoda nje? Saphendula isithunywa sathi kuye, UMoya oyiNgcwele uya kuza phezu kwakho, athi namandla Osenyangweni akusibekele; kungoko loo nto ingcwele izalwa nguwe iya kubizwa ngokuba nguNyana kaThixo. Uyabona, uElizabhete, ozalana nawe, naye umithe unyana ebudaleni bakhe; nale yinyanga yesithandathu kuye, lowo bekuthiwa ngongazaliyo; ngokuba akukho nanye into eya kumnqabela yena uThixo.
Wathi ke uMariya, Nanko umkhonzazana weNkosi; makwenzeke kum ngokwelizwi lakho. Saza isithunywa semka kuye.
Ke kaloku, wesuka uMariya ngaloo mihla, wasinga kweleentaba ngobungxamo, emzini wakwaYuda; wangena endlwini kaZekariya, wambulisa uElizabhete.
Kwathi, akuwuva uElizabhete umbuliso kaMariya, lwasuka lwaxhuma usana esizalweni sakhe, wesuka wazala nguMoya oyiNgcwele uElizabhete. Wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Ùnentsikelelo wena phakathi kwabafazi; sinentsikelelo nesiqhamo sesizalo sakho. Kuhlé ngani na kum, ukuthi unina weNkosi yam eze kum? Kuba uyabona, kuthe lakubakho izwi lombuliso wakho ezindlebeni zam, lwasuka lwaxhuma usana ngokugcoba esizalweni sam. Únoyolo lowo wakholwayo koko; ngokuba kuya kubakho inzaliseko yezo zinto zithethiweyo kuye yiNkosi.
Wathi uMariya:
Umphefumlo wam uyenza nkulu iNkosi,
Nomoya wam ugcobile ngoThixo uMsindisi wam;
Ngokuba wakukhangela ukuthobeka komkhonzazana wakhe;
Kuba, uyabona, ziya kuqala kwangoku ukuthi ndingonoyolo zonke izizukulwana;
Ngokuba wandenzela izinto ezinkulu uSomandla;
Lingcwele igama lakhe.
Yaye inceba yakhe ikwizizukulwana ngezizukulwana
Kwabo bamoyikayo.
Wenzé amandla ngengalo yakhe,
Wabachithachitha abanekratshi ekucingeni kweentliziyo zabo.
Wabawisa abanamandla ezitroneni zabo,
Wabaphakamisa abathobekileyo.
Wahluthisa abalambileyo ngezinto ezilungileyo;
Wabandulula abazizityebi belambatha.
Wasiza uSirayeli, umkhonzi wakhe,
Ngokukhumbula inceba yakhe;
Njengoko wathethayo koobawo bethu,
KuAbraham nakwimbewu yakhe ngonaphakade.
Wahlala ke uMariya naye iinyanga ngathi zaba ntathu, waza wabuyela ekhaya.