U‐Yoshuwa 6
6
1(Kekaloku i‐Jeriko yaiqinisiwe ukuvalwa ngenxa yosapo luka‐Sirayeli: bekungeko owapumayo, bekungeko nowangenayo.) 2Wandula wati uyehova ku‐Yoshuwa: Bona ke, ndinikile esandleni sako i‐Jeriko, nokumkani wayo, namagoṙa abuṙoti. 3Naniya kuṙaula isixeko, nonke eningamadoda okulwa, nisingqonga isixeko kube kanye. Uya kwenje njalo ngemini ezintandatu. 4Kanjako abaperisite abasixe̔nxe baya kupata amaxilongo asixe̔nxe okuvusa, baye pambi kwetyeya; nangemini yesixe̔nxe, niya kuṙaula isixeko kube kasixe̔nxe, bati abaperisite bavutele ngamaxilongo. 5Kwaye kuya kuti, kwakuhlokonyiswa ngopondo lwokuvusa, nxa nivayo intlo koma yexilongo, bomemeza abantu bonke ngesimemezo esikulu; lwandul’ ukuwa udonga lwesixeko endaweni yalo, bati abantu benyuke abanye ngabanye ngokuti ngqo pambi kwabo.
6Waza u‐Yoshuwa, unyana ka‐Nune, wabiza abaperisite, wati kubo: Funqulani ityeya yocebano, nabaperisite abasixe̔nxe mabapate amaxilongo asixe̔nxe okuvusa, baye pambi kwetyeya kayehova. 7Wayesiti ebantwini: Dlulani, nisiṙaule isixeko, nabo baxo̔bileyo mabadlule pambi kwetyeya kayehova.
8Kwaza kwati, nxa u‐Yoshuwa abetshilo ebantwini, bandula abaperisite abasixe̔nxe, bepete amaxilongo asixe̔nxe okuvusa pambi kwoyehova, badlula, bavutela ngamaxilongo; yati ityeya yocebano lukayehova yabalandela. 9Baye abo baxo̔bileyo behamba pambi kwabaperisite abavutela ngamaxilongo, namabuto asemva elandela ityeya, abaperisite bemana bevutela ngamaxilongo. 10Kekaloku u‐Yoshuwa ebeyalele abantu ngokuti: Ningamemezi, ningavakalisi amazwi enu, makungapumi emilonyeni yenu nalinye ilizwi, ide ibe yimini endiya kuti kuni: Memezani! nandule ukumemeza. 11Yaza ityeya kayehova yaṙaula isixeko, isingqonga kwa kanye; babuya bangena emnqubeni, balalisa emnqubeni.
12Wavuka kusasa u‐Yoshuwa ngomnye umhla; basuka abaperisite bayifunqula ityeya kayehova. 13Baza abaperisite abasixe̔nxe, bepete amaxilongo asixe̔nxe okuvusa pambi kwetyeya kayehova, bamana bahamba, bavutela ngamaxilongo; baye abaxo̔bileyo behamba pambi kwabo, namabuto asemva elandela ityeya kayehova, abaperisite bemana bevutela ngamaxilongo. 14Baza basiṙaula isixeko ngemini yesibini kwa kanye; bandula babuyela emnqubeni. Benje njalo ke ngemini zantandatu.
15Kwaye kute ngemini yesixe̔nxe, bavuka kusasa, nxa kusapuma isifingo, baya basiṙaula isixeko njengesiko elinjalo amaxesha asixe̔nxe: kodwa ngalomini basiṙaula isixeko amaxesha asixe̔nxe. 16Kwaza kwati ngexesha lesixe̔nxe, nxa abaperisite bebevutela ngamaxilongo, wati u‐Yoshuwa ebantwini: Memezani! ngokuba uyehova eninikile isixeko. 17Soba yinto elahlelwe ekutshatyalalisweni esisixeko, kwa sona nako konke okukuso, kuyehova: kupela u‐Rakabi, umpinyiswa, uya kudla ubomi, yena nabo bonke abanaye endlwini, ngokuba ebezifihla izigidimi esazitumayo. 18Kanjalo nani, qinisani ukuzibamba kuleyonto ilahlelweyo ekutshatyalalisweni, hleze nizenze okulahlelweyo ekutshatyalalisweni, nxa nitabatayo kuleyonto ilahlelweyo ekutshatyalalisweni, niwenze nomkosi wama‐Sirayeli ube yinto elahlelweyo ekutshatyalalisweni, niwukataze. 19Kodwa yonke isilivere, negolide, nempahla zobedu nezesincete, zona ziyingcwele kuyehova; ziya kungena endaweni yendyebo kayehova.
20Baza abantu bamemeza, bakuvutela abaperisite ngamaxilongo: kwabekute, nxa abantu babevile intlokoma yexilongo, nanxa abantu bamemeza ngesimemezo esikulu, kwandul’ ukuwa udonga endaweni yalo, bada abantu benyukela esixekweni, bonke besiti ngqo pambi kwabo, batimba isixeko. 21Baza balahlela ekutshatyalalisweni kwa namadoda nabafazi, abatsha nabadala, inkomo, negusha, namaqwaṙashe, ngohlangoti lwesiṙele.
22Koko ebetshilo u‐Yoshuwa kulawomadoda mabini abehlolile ilizwe, ukuti: Ngenani endlwini yompinyiswa lowo, nipumise kona inkazana leyo, nabo bonke inabo, njengokuyifungela kwenu. 23Asuka amadodana abezintlola angena, apumisa u‐Rakabi, noyise, nonina, nabazalwana bake, nabo bonke abenabo; nabo bonke abalamane bake abapumisa; abashiya ngapandle kwomnquba wama‐Sirayeli.
24Kekaloku isixeko basitshisa ngomlilo, nako konke okupakati kwaso; kupela isilivere, negolide, nempahla zobedu nezesincete, bazifaka endaweni yendyebo yendlu kayehova.
25Kanti u‐Rakabi, umpinyiswa, u‐Yoshuwa wamlondoloza ebomini, nabendlu kayise, nabo bonke abenabo; osahleli pakati kwo‐Sirayeli kude kwanamhla nje; ngokokuba wazifihla izigidimi, abezitumile u‐Yoshuwa ukuya kuhlola i‐Jeriko.
26Waza u‐Yoshuwa wabafungisa ngeloxesha, ngokuti: Makaqalekiswe pambi kwoyehova lowamntu oya kusuka ake esisixeko i‐Jeriko; wosiseka ngowamazibulo wake, nengcango zaso wozimisa ngomncinane wake.
27Kwa njalo uyehova ubenaye u‐Yoshuwa, lwaye udumo lwake luvakala kulo lonke ilizwe.
Currently Selected:
U‐Yoshuwa 6: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.