U‐Yoshuwa 5

5
1KWAZA kwati, kwakuviwa ngabo bonke okumkani baba‐Amori, abebenganeno kwe‐Yoredane ngasentshonalanga, nangabo bonke okumkani baba‐Kanane, abebengaselwandle, ukuba uyehova uwatshisile amanzi ayo i‐Yoredane pambi kwosapo luka‐Sirayeli, sada sawela, zandula zanyibilika intliziyo zabo, kanjako akwabi sabiko ubugagu kubo, ngenxa yosapo luka‐Sirayeli.
2Ngeloxesha wati uyehova ku‐Yoshuwa: Zenzele izitshetshe zamatye abukali, ubuye waluse usapo luka‐Sirayeli ngokwesibini. 3Waza u‐Yoshuwa wazenzela izitshetshe zamatye abukali, walwalusa usapo luka‐Sirayeli e‐Gibeha‐haralote. 4Yiyo le indawo ekungenxa yayo u‐Yoshuwa walwalusa: Bonke abantu ababepumile e‐Jipete bengamadoda, onke amadoda okulwa, bebetile entlango endleleni, emva kwokupuma kwabo e‐Jipete. 5Ngokuba bonke abantu ababepumile kona bebengabalukileyo; kodwa bonke abantu ababezalelwe entlango endleleni, emva kwokupuma kwabo e‐Jipete, bona bebengabalusanga. 6Ngokuba usapo luka‐Sirayeli beluhamba iminyaka yamashumi mane entlango, kwada kwagqityelwa bonke abantu bengamadoda okulwa, ababepumile e‐Jipete, ababengapulapulanga ilizwi likayehova; owati uyehova wabafungela ukuba akayi kubabonisa ilizwe, elo wafunga uyehova koyise babo ukuba wolinika kuti, ilizwe elela ubisi nobusi. 7Kodwa onyana babo owabebavusa esikundleni sabo, bona u‐Yoshuwa wabalusa; ngokuba bebengabangalukileyo, ngenxa yokuba bebengabalusanga endleleni. 8Kwaza kwati, kwakugqitywa ukwalusa bonke abobantu, bahlala endaweni yabo emnqubeni bada bapila. 9Wandula wati uyehova ku‐Yoshuwa: Namhla nje ndisiqengqile isigxeko se‐Jipete sisuke kuni. Ngako kubizwa igama laleyo indawo ngokuti yi‐Gilegale#5:9 Oko kukuti: Isiqengqo., kude kube namhla nje.
10Nxa usapo luka‐Sirayeli belute waca e‐Gilegale, lwabamba ipasika ngosuku lweshumi linesine lwenyanga ngokuhlwa, ematafeni ase‐Jeriko.
11Lwaye lusidla kwintlumelo yomhlaba ngomnye umhla emva kwepasika, izonka ezingenagwele, namaqashu, kwa ngokwa nguwo umhla lowo. 12Yaza yapela imana ngomnye umhla emveni kwokuba beludlile kwintlumelo yomhlaba; kanjalo usapo luka‐Sirayeli alwabi senayo imana, koko lube lusidla kwimveliso yelizwe le‐Kanane kwa ngalomnyaka.
13KWAYE kute, akuba u‐Yoshuwa ebengase‐Jeriko, wapakamisa amehlo ake, wakangela, kekaloku, nantsi indoda imi malungana naye, ineṙele layo lir̔oliwe esandleni sayo. Wasuka u‐Yoshuwa waya kuyo, wati kuyo: Ungecala letu na, ungecala lentshaba zetu kusinina? 14Yati: Hai, kungokuba ndiyinkosi yomkosi kayehova endizileyo kaloku. Waza u‐Yoshuwa wawa ngobuso ngasemhlabeni, waziqubuda, wati kuyo: Iti nina inkosi yam esicakeni sayo? 15Yaza inkosi yomkosi kayehova yati ku‐Yoshuwa: Susa izihlangu zako ezinyaweni zako, ngokuba indawo umi pezu kwayo iyingewele. Wenje njalo ke u‐Yoshuwa.

Currently Selected:

U‐Yoshuwa 5: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena