U‐Yoshuwa 21

21
1BANDULA basondela abazintloko zendlu zoyise zaba‐Levi ku‐Elezari umperisite, naku‐Yoshuwa unyana ka‐Nune, nakwabazintloko zendlu zoyise zazo izizwe zosapo luka‐Sirayeli, 2bateta kubo e‐Shilo elizweni le‐Kanane, besiti: Uyehova wabeyalela ngesandla sika‐Mosesi ukuba sinikwe izixeko zokuhlala, nenqele zazo zibe zezenkomo zetu. 3Ngako usapo luka‐Sirayeli lwabanika aba‐Levi, elifeni lalo, ngelizwi likayehova, izixeko ezi nenqele zazo.
4Laza iqashiso lapumela izizalwane zama‐Kohati: kwaye kuko elusatsheni luka‐Arone umperisite, olwakubo aba‐Levi, zicatshulwe esizweni sika‐Juda, nasesizweni sika‐Simone, nasesizweni sika‐Benjamine, ngeqashiso, izixeko ezilishumi linazitatu; 5naselusatsheni luka‐Kohati oluseleyo, zicatshulwe kuzo izizalwane zesizwe sika‐Frayime, nakuso isizwe sika‐Dane, nakuso isiqingata sesizwe sika‐Manase, ngeqashiso, izixeko ezilishumi; 6naselusatsheni luka‐Gereshone, zicatshulwe kuzo izizalwane zesizwe sika‐Yisakare, nakuso isizwe sika‐Ashere, nakuso isizwe sika‐Nefatali, nakuso isiqingata sesizwe sika‐Manase e‐Bashane, ngeqashiso, izixeko ezilishumi linazitatu; 7naselusatsheni luka‐Merari, ngezizalwane zalo, zicatshulwe esizweni sika‐Rubene, nasesizweni sika‐Gadi, nasesizweni sika‐Zebulone, izixeko ezilishumi linazibini.
8Kwa njalo usapo luka‐Sirayeli lwabanika aba‐Levi ezizixeko nenqele zazo ngeqashiso, njengokuba uyehova ebeyalele ngesandla sika‐Mosesi.
9Lwaye lunika zicatshulwe esizweni sosapo luka‐Juda, nasesizweni sosapo luka‐Simone, ezizixeko ezibizwayo ngegama; 10olwati usapo luka‐Arone, olwakuzo izizalwane zama‐Kohati, olwakulo usapo luka‐Levi, lwaba nazo: ngokuba iqashiso lokuqala libe lilelalo. 11Lwaza lwalunika isixeko sika‐Areba uyise ka‐Hanaki, esiyiyo i‐Hebrone, entabeni yakwa‐Juda, nenqele zaso ezisingqongayo. 12Kodwa izindle zasesixekweni, nemizi yaso, lwazinika ku‐Kalebi unyana ka‐Jefune zibe yimfuyo yake. 13Kwa njalo lwalunika usapo luka‐Arone umperisite, i‐Hebrone, isixeko sokupepela kwombulali, nenqele zayo, ne‐Libena nenqele zayo, 14ne‐Yatire nenqele zayo, ne‐Shetemoha nenqele zayo, 15ne‐Holone nenqele zayo, ne‐Debire nenqele zayo, 16ne‐Hayine nenqele zayo, ne‐Yuta nenqele zayo, ne‐Bete‐shemeshe nenqele zayo; izixeko ezilitoba zicatshulwe kwezozizwe zibini. 17Nakuso isizwe sika‐Benjamine kwacatshulwa i‐Gibeyone nenqele zayo, i‐Geba nenqele zayo, 18i‐Hanatote nenqele zayo, ne‐Halemone nenqele zayo; izixeko ezine. 19Zonke izixeko zosapo luka‐Arone, abaperisite, zizixeko ezilishumi linazitatu nenqele zazo.
20Nezizalwane zosapo luka‐Kohati, aba‐Levi abaseleyo elusatsheni luka‐Kohati, zona zazinezixeko zeqashiswa lazo zicatshulwe esizweni sika‐Frayime. 21Ngokuba beluzinika i‐Shekeme, isixeko sokupepela kwombulali, nenqele zayo, entabeni yakwa‐Frayime, ne‐Gezere nenqele zayo, 22ne‐Kibetsayime nenqele zayo, ne‐Bete‐horone nenqele zayo; izixeko ezine. 23Kwacatshulwa nasesizweni sika‐Dane, i‐Leteke nenqele zayo, i‐Gibetone nenqele zayo, 24i‐Ajalone nenqele zayo, i‐Gate‐rimone nenqele zayo; izixeko ezine: 25nakuso isiqingata sesizwe sika‐Manase, i‐Tahanaki nenqele zayo, ne‐Gate‐rimone nenqele zayo: izixeko ezibini. 26Zonke izixeko zezizalwane zosapo luka‐Kohati oluseleyo, zizixeko ezilishumi nenqele zazo.
27Nosapo luka‐Gereshone, olwakuzo izizalwane zaba‐Levi, kwacatshulelwa lona kwesinye isiqingata sesizwe sika‐Manase, i‐Golane yase‐Bashane, isixeko sokupepela kwombulali, nenqele zayo, ne‐Beheshe‐tera nenqele zayo; izixeko ezibini: 28nasesizweni sika‐Yisakare, i‐Kishone nenqele zayo, i‐Daberate nenqele zayo, 29i‐Yaremute nenqele zayo, i‐Hene‐ganime nenqele zayo; izixeko ezine: 30nasesizweni sika‐Ashere, i‐Mishale nenqele zayo, i‐Habedoni nenqele zayo, 31i‐Helekate nenqele zayo, ne‐Rehobi nenqele zayo; izixeko ezine: 32nasesizweni sika‐Nefatali, i‐Kedeshe yase‐Galili, isixeko sokupepela kwombulali, nenqele zayo, ne‐Hammote‐dore nenqele zayo, ne‐Karetane nenqele zayo; izixeko ezitatu. 33Zonke izixeko zama‐Gereshone, ngezizalwane zawo, zizixeko ezilishumi linazitatu nenqele zazo.
34Nezizalwane zosapo luka‐Merari, ezaba‐Levi abaseleyo, kwacatshulelwa zona esizweni sika‐Zebulone, i‐Yokename nenqele zayo, ne‐Kareta nenqele zayo, 35i‐Dimna nenqele zayo, i‐Nahalali nenqele zayo; izixeko ezine: 36nasesizweni sika‐Rubene, i‐Betsere nenqele zayo, ne‐Yahetsa nenqele zayo, 37i‐Kedemote nenqele zayo, ne‐Mefahate nenqele zayo; izixeko ezine: 38nasesizweni sika‐Gadi, i‐Ramote yase‐Gileyadi, isixeko sokupepela kwombulali, nenqele zayo, ne‐Mahanayime nenqele zayo, 39i‐Heshebone nenqele zayo, i‐Yahezere nenqele zayo: zonke izixeko zazine. 40Zonke izixeko zosapo luka‐Merari, ngezizalwane zalo, oluseleyo ezizalwaneni zaba‐Levi, iqashiswa lalo lazizixeko ezilishumi linazibini.
41Zonke izixeko zaba‐Levi, ezipakati kwemfuyo yosapo luka‐Sirayeli, zazizixeko ezingamashumi mane anesibozo nenqele zazo. 42Izixeko ezi zibe zinenqele zazo ezizingqongayo, ezinye ngezinye: zibe zinjalo zonke ezizixeko.
43KWA njalo uyehova wanika ko‐Sirayeli lonke ilizwe, abefungile ukuba alinike koyise babo; bada balifuya, bahlala kulo. 44Waye uyehova kanjalo ebanikile ukupumla ngamacala onke, njengako konke abefungile ngako koyise babo: akwabiko namnye umntu kuzo zonke intshaba zabo obenokuma pambi kwabo; zonke intshaba zabo wazinikela uyehova esandleni sabo. 45Akutshitshanga nanye into kuzo zonke izinto ezilungileyo, abezitetile uyehova kwindlu ka‐Sirayeli: konke kweza kubako.

Currently Selected:

U‐Yoshuwa 21: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena