U‐Yoshuwa 22

22
1Wandula u‐Yoshuwa wabiza ama‐Rubene, nama‐Gadi, nesiqingata sesizwe sika‐Manase, 2wati kuwo: Nikugcinile konke wabeniyalela kona u‐Mosesi, isicaka sikayehova; kanjalo nipulapule ilizwi lam ngako konke endiniyaleleyo. 3Anishiyanga abazalwana benu lemihla mininzi kude kwanamhla nje; koko nikugcinile ukugcinwa kwomyalelo kayehova, utixo wenu. 4Kaloku ke, uyehova, utixo wenu, ubapumzile abazalwana benu, njengokuba wabesitsho kubo: ngako kaloku buyani, niye ezintenteni zenu, elizweni lemfuyo yenu, elo u‐Mosesi, isicaka sikayehova, walinika kuni pesheya kwe‐Yoredane. 5Kodwa lumkani kakulu ukuba niwenze umyalelo nomteto, owabeniyalela u‐Mosesi, isicaka sikayehova, ukuba nimtande uyehova, utixo wenu, nokuba nihambe kuzo zonke indlela zake, nokuba niyigcine imiyalelo yake, nokuba ninamatele kuye, nokuba nimkonze ngayo yonke intliziyo yenu nangawo wonke umpefumlo wenu.
6Waza u‐Yoshuwa wawatamsanqelisa, wawandulula; asuka aya ezintenteni zawo. 7Kekaloku esinye isiqingata sesizwe sika‐Manase u‐Mosesi ebesinikile ilifa e‐Bashane; kodwa esinye isiqingata saso wasinika u‐Yoshuwa pakati kwabazalwana babo, nganeno kwe‐Yoredane ngasentshonalanga. Nabo bona, nxa u‐Yoshuwa wabandululayo ukuya ezintenteni zabo, wandula wabatamsanqelisa; 8wayesitsho kubo ukuti: Buyelani ezintenteni zenu ninendyebo ezininzi, nento eninzi kakulu yenkomo, nesilivere, negolide, nobedu, nesincete, nento eninzi kakulu yezivato: yabelanani nabazalwana benu amaxoba entshaba zenu.
9Lwandula ukubuya usapo luka‐Rubene, nosapo luka‐Gadi, nesiqingata sesizwe sika‐Manase, lwemka kulo usapo luka‐Sirayeli, e‐Shilo, eselizweni le‐Kanane, ukuya ezweni le‐Gileyadi, ezweni lemfuyo yalo, olwalulizuzile ngelizwi likayehova ngesandla sika‐Mosesi.
10Lwati lwakufika emideni yase‐Yoredane, eselizweni le‐Kanane, lwandula usapo Iuka‐Rubene, nosapo luka‐Gadi, nesiqingata sesizwe sika‐Manase, lwaka kona isibingelo ngase‐Yoredane, isibingelo esikulu ukubonakala kwaso.
11Kwaza kwaviwa lusapo luka‐Sirayeli kusitwa: Bona ke, usapo luka‐Rubene, nosapo luka‐Gadi, nesiqingata sesizwe sika‐Manase, lwakile isibingelo ngapambi kwelizwe le‐Kanane, emideni yase‐Yoredane, ngecala langapesheya losapo luka‐Sirayeli. 12Lwati usapo luka‐Sirayeli lwakuva oku, yasuka yahlanganisana yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli e‐Shilo, ukuba kunyukwe ukuya kulwa nalo. 13Lwaza usapo luka‐Sirayeli lwatuma ukuya elusatsheni luka‐Rubene, naselusatsheni luka‐Gadi, nakwisiqingata sesizwe sika‐Manase, elizweni le‐Gileyadi, u‐Finehasi unyana ka‐Elezari umperisite, 14nenkosi ezilishumi kunye naye, inkosi yanye ngezindlu ngezindlu zoyise pakati kwazo zonke izizwe zo‐Sirayeli; zaye ezinye ngezinye ziyintloko yezindlu zoyise zazo pakati kwamawaka akwa‐Sirayeli.
15Bati bakufika elusatsheni luka‐Rubene, naselusatsheni luka‐Gadi, nakwisiqingata sesizwe sika‐Manase, elizweni le‐Gileyadi, baza bateta nalo, besiti: 16Itsho yonke intlanganiso kayehova ukuti: Sisigqito sinina esi, enigqitile ngaso ngakuye utixo wo‐Sirayeli, ngokubuya namhla ekumlandeleni uyehova, ekubeni nizakele isibingelo, ukuze nivukele namhla ngakuye uyehova? 17Kuncinane na kuti ukukohlakala kwase‐Pehori, (esingekahlanjululwa kuko nanamhla nje, nakuba bekuko isibulalo pakati kwentlanganiso kayehova,) 18ukuba niya kubuya namhla ekumlandeleni uyehova? kwakuya kuti, nxa nivukela namhla ngakuye uyehova, uya kwandula ngomso aqumbele yonke intlanganiso yo‐Sirayeli. 19Koko ukuba ilizwe lemfuyo yenu linco̔lile, welelani kuti elizweni lemfuyo kayehova, apo imi kona itabanakele kayehova, nize nizuze indawo pakati kwetu: kodwa ningavukeli ngakuye uyehova, ningavukeli nangakuti, ngokuzakela kwenu isibingelo, ngapandle kwesibingelo sikayehova, utixo wetu. 20Kanene u‐Hakane, unyana ka‐Zera, akagqitanga na ngesigqito entweni elahlelwe ekutshatyalalisweni, waza umsindo wawela yonke intlanganiso yo‐Sirayeli? kanjalo indoda leyo ayabuba yodwa ngenkohlakalo yayo.
21Lwaza lwapendula usapo luka‐Rubene, nosapo luka‐Gadi, nesiqingata sesizwe sika‐Manase, lwateta nabazintloko zamawaka akwa‐Sirayeli, lusiti: 22Utixo wotixo, uyehova, utixo wotixo, uyehova, uyakwazi yena, no‐Sirayeli baya kukwazi nabo; ukuba kungokuvukela, nokuba kungokugqita ngakuye uyehova, (uze ungasindisi namhla nje!) 23ukuba sizakele isibingelo, ukubuya ekulandeleni uyehova; nokuba kungokunga singanikela pezu kwaso idini lokutshiswa nomnikelo wokudla, nokuba kungokunga singenza pezu kwaso imibingo yoxolo; (uyehova yena makabuze!) 24nokuba akungenxa yokuxalela lento na esikwenzileyo oku, sisiti: Ngexesha elizayo bangatsho abantwana benu kubantwana betu ukuti: Uyinto nina kuni uyehova, utixo wo‐Sirayeli? 25ngokuba uyehova ewubekile umda pakati kwetu nani, i‐Yoredane, nina lusapo luka‐Rubene nosapo luka‐Gadi! akuko kuni isabelwa kuyehova: bade abantwana benu benze abantwana betu bayeke ukwoyika uyehova. 26Saye sisiti ngoko: Makesilungise ukuba sake isibingelo, singabi sesedini lokutshiswa, singabi sesombingo kanjalo; 27koko sibe linqi̔na pakati kwetu nani, napakati kwezizukulwana zetu emva kwetu, lokuba singenza inkonzo kayehova pambi kwake, ngamadini okutshiswa etu, nangemibingo yetu, nangeminikelo yoxolo yetu; nokuba bangabi abantwana benu ngexesha elizayo nokuti kubantwana betu: Akuko kuni isabelwa kuyehova. 28Kukona sibe sisiti: Kwakuya kuti, nxa baya kutsho kuti nakuzo izizukulwana zetu ngexesha elizayo, siya kwandula siti: Kangelani imfano yesibingelo sikayehova, abayenzayo obawo betu, ingabi yeyedini lokutshiswa, ingabi yeyombingo kanjalo; koko ibe linqi̔na pakati kwetu nani. 29Makube lé kuti okokuba sivukele ngakuye uyehova, nokuba sibuye namhla ekumlandeleni uyehova, ngokwaka isibingelo sibe sesedini lokutshiswa, nesomnikelo wokudla, nesombingo, ngapandle kwesibingelo sikayehova, utixo wetu, esipambi kwayo itabanakele yake.
30Nxa u‐Finehasi umperisite, nenkosi zentlanganiso, nentloko zamawaka akwa‐Sirayeli, ezibe zinaye, babevile amazwi olwawatetayo usapo luka‐Rubene, nosapo luka‐Gadi, nosapo luka‐Manase, bekulungile emehlweni abo. 31Waza u‐Finehasi unyana ka‐Elezari umperisite wati kulo usapo luka‐Rubene, nakulo usapo luka‐Gadi, nakulo usapo luka‐Manase: Namhla siyazi ukuba uyehova upakati kwetu, ngokokuba ningagqitanga ngakuye uyehova ngesigqito esi: ngoku niluhlangule usapo luka‐Sirayeli esandleni sikayehova.
32Wandula wabuya u‐Finehasi unyana ka‐Elezari umperisite, nenkosi, elusatsheni luka‐Rubene, naselusatsheni luka‐Gadi, ezweni le‐Gileyadi, ukuya ezweni le‐Kanane, kulo usapo luka‐Sirayeli, baluzisela impendulo. 33Kekaloku impendulo leyo yailungile emehlweni alo usapo luka‐Sirayeli; lwaza usapo luka‐Sirayeli lwambonga utixo, lungabanga senakuteta ngokunyukela ngakulo kuliwe, ukuba lucitakalise ilizwe usapo luka‐Rubene nosapo luka‐Gadi lube luhleli kulo.
34Lwaza usapo luka‐Rubene nosapo luka‐Gadi lwasibiza isibingelo ngokuti: Linqi̔na pakati kwetu lokuba uyehova unguye utixo.

Currently Selected:

U‐Yoshuwa 22: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena