U‐Jeremiya 38

38
1Kekaloku u‐Shefatiya unyana ka‐Matane, no‐Gedaliya unyana ka‐Pashure, no‐Yukali unyana ka‐Shelemiya, no‐Pashure unyana ka‐Malekiya, beva amazwi abetetiwe ngu‐Jeremiya kubo bonke abantu, esiti: 2Utsho uyehova ukuti: Lowo usalayo kwesisixeko, wobuba ngesiṙele, ngendlala, nangesifo esibubisayo; kodwa lowo upumela kuwo ama‐Kaledine, uya kupila; ewe, ubomi bake boba lixoba kuye, waeya kupila. 3Utsho uyehova ukuti: Esisixeko siya kunikelwa ngokwenyaniso esandleni sempi yokumkani we‐Babilone, eya kusibamba. 4Ngako inkosana zati kukumkani: Mayifiswe ke indoda le, ngokuba ngokunjalo inqenisa izandla zamadoda okulwa aseleyo kwesisixeko, nezandla zabantu bonke, ngokuteta kubo njengalamazwi: ngokuba lendoda ingafuneli ababantu uxolo, kodwa ububi. 5Wayesiti ukumkani u‐Zedekiya: Nantsiya isesandleni senu; ngokuba engenguye ukumkani ongayenzayo into ngakuni. 6Zandula zamtabata u‐Jeremiya, zamposa emnxunyeni ka‐Malekiya unyana ka‐Hameleke, obusenkundleni yentolongo; zaye zimhlisa u‐Jeremiya ngentambo: nasemnxunyeni lowo bekungeko amanzi, kodwa udaka; waza watshona u‐Jeremiya eludakeni.
7Kekaloku akuva u‐Hebedi‐meleke um‐Tiyopiya, omnye wabatenwa obesendlwini yokumkani, ukuba bafakile u‐Jeremiya emnxunyeni, nokuba ukumkani uhleli esangweni lika‐Benjamine, 8wapuma ke u‐Hebedi‐meleke endlwini yokumkani, waya wateta kukumkani, esiti: 9Nkosi yam kumkani! lamadoda enze ngokukohlakeleyo ngako konke akwenzileyo ku‐Jeremiya umprofite, lowo amposileyo emnxunyeni; waeya kufa ngokulamba endaweni yake, ngokuba kungaseko isonka esixekweni. 10Waza ukumkani wamyalela u‐Hebedi‐meleke um‐Tiyopiya, ngokuti: Tabata nawe kwa lapa amadoda abe ngamashumi matatu, uye umnyuse u‐Jeremiya umprofite emnxunyeni engekafi. 11Wasuka u‐Hebedi‐meleke watabata naye amadoda lawo, waya endlwini yokumkani ngapantsi kwenkambili yendyebo, wasusa kona amajacu engubo eziṙazukileyo, namajacu engubo ezigugileyo, wazihlisela ku‐Jeremiya emnxunyeni ngentambo. 12Wayesiti u‐Hebedi‐meleke um‐Tiyopiya ku‐Jeremiya: Kaubeke lamajacu engubo eziṙazukileyo nezigugileyo pantsi kwamakwapa ako, ngapantsi kwentambo: wenje njalo ke u‐Jeremiya. 13Baza bamr̔ola u‐Jeremiya ngentambo, bamnyusa emnxunyeni; waye u‐Jeremiya wahlala enkundleni yentolongo.
14Waza watuma ukumkani u‐Zedekiya, wamtabatela kuye u‐Jeremiya umprofite emnyango wesitatu, obusendlwini kayehova; wayesiti ukumkani ku‐Jeremiya: Ndokubuza indawo, zungandifihleli nto. 15Waza u‐Jeremiya wati ku‐Zedekiya: Nxa ndikuxelelayo, akuyi kuqinisa ukundifisa na? nanxa ndikunika icebo, akuyi kupulapula kum. 16Wandula ukumkani u‐Zedekiya wafunga ku‐Jeremiya ngasese, esiti: Ehleli nje uyehova, lowo osenzele lompefumlo, andiyi kukufisa, kanjako andiyi kukunikela esandleni salamadoda abufunayo ubomi bako.
17Waza u‐Jeremiya wati ku‐Zedekiya: Utsho uyehova, utixo wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Ukuba uya kupumela kuzo inkosana zokumkani we‐Babilone ngokuvuma, umpefumlo wako uya kupila, nesixeko esi asiyi kutshiswa ngomlilo; ewe, uya kupila, wena nendlu yako. 18Kodwa ukuba akuyi kupumela kuzo inkosana zokumkani we‐Babilone, sesiya kunikelwa isixeko esi esandleni sama‐Kaledine, aya kusitshisa ngomlilo; nawe akuyi kusinda esandleni sawo. 19Waza wati ukumkani u‐Zedekiya ku‐Jeremiya: Ndiyoyika ama‐Juda apongomeleyo kuwo ama‐Kaledine, hleze andinikele esandleni sawo, adlale ngam. 20Koko u‐Jeremiya wati: Akayi kukunikela; live ke ilizwi likayehova ngoko endikuteta kuwe, ukuba kulunge kuwe, nokuba umpefumlo wako upile. 21Kodwa ukuba uyala ukupuma, leli ilizwi uyehova undibonisile lona, lokuti: 22Bona ke, bonke abafazi, abaseleyo endlwini yokumkani wo‐Juda, baya kupunyiselwa kuzo inkosana zokumkani we‐Babilone; abaya kuti: Abahlobo bako bakuhendile, bakweyisile; inyawo zako zitshonile eludakeni, bona bahlehlile ngomva. 23Nabo bonke abafazi bako, nabantwana bako, bobapumisela kuma‐Kaledine, nawe akuyi kusinda esandleni sawo; ngokuba uya kubanjwa ngesandla sokumkani we‐Babilone, nesixeko esi uya kusitshisa ngomlilo.
24Waza u‐Zedekiya wati ku‐Jeremiya: Makungaziwa mntu lamazwi, uze ungafi. 25Kodwa ukuba inkosana ziya kuva okokuba nditetile nawe, zize kuwe, ziti nokuti kuwe: Sixelele ke into uyitetileyo kukumkani, ungayifihli kuti, sasingayi kukufisa; kwa nento ukumkani ayitetileyo kuwe; 26uya kwandula uti kuzo: Ndabeka isitaṙuziso sam ebusweni bokumkani, sokuba makangandibuyiseli endlwini ka‐Jonatane, ndifele kona.
27Zasuka zonke inkosana zeza ku‐Jeremiya, zambuza; wati yena wazixelela njengawo onke lamazwi abewayalelwe ngukumkani; zada zamyeka, ngokuba indawo ibingaviwanga. 28Kwa njalo u‐Jeremiya wahlala enkundleni yentolongo, kwada kwangumhla i‐Yerusaleme ibibanjwa ngawo: kanjako wayekona okuya i‐Yerusaleme yabanjwa.

Currently Selected:

U‐Jeremiya 38: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena