U‐Jeremiya 37
37
1KEKALOKU u‐Zedekiya unyana ka‐Josiya wapata ubukumkani esikundleni sika‐Koniya unyana ka‐Yoyakime, lowo u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone ubemenzile ukumkani elizweni lakwa‐Juda. 2Kodwa yena, nezicaka zake, nabantu belizwe, bebengapulapuli kuwo amazwi kayehova, lawo abewateta ngo‐Jeremiya umprofite.
3Waza ukumkani u‐Zedekiya watuma u‐Yukali unyana ka‐Shelemiya, no‐Tsefaniya unyana ka‐Mahaseya umperisite, ukuya ku‐Jeremiya umprofite, ukuti: Zusitandazele ke kuyehova, utixo wetu. 4Kekaloku u‐Jeremiya wangena wapuma nokupuma pakati kwabantu; ngokuba bebengekamfakile entolongweni. 5Kanjalo impi ka‐Faro ibipumile e‐Jipete; aza ati ama‐Kaledine, abeṙaula i‐Yerusaleme, akuva indaba ngabo, enyuka kuyo i‐Yerusaleme.
6Landula ilizwi likayehova leza ku‐Jeremiya umprofite, lisiti: 7Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Niya kutsho kukumkani wo‐Juda onitumileyo kum ukuza knndibuza, ukuti: Bona ke, impi ka‐Faro, epumeleyo ukuncedwa kwenu, iya kubuyela elizweni layo e‐Jipete. 8Nama‐Kaledine aya kubuya, alwe ngakuso isixeko esi, asibambe, asitshise ngomlilo. 9Utsho uyehova ukuti: Ningazikohlisi, nisiti: ama‐Kaledine ogqibela ukumka kuti; ngokuba engayi kumka. 10Ngokuba nangona nibe nibetile yonke impi yama‐Kaledine alwayo nani, ada asala kuwo amadoda azinxweleṙa kupela, ebeya kuvuka noko, amanye ngamanye ezintenteni zawo, atshise isixeko esi ngomlilo.
11Kwaza kwati, xeshekweni impi yama‐Kaledine ibindulukile e‐Yerusaleme, ngenxa yempi ka‐Faro, 12wandula wapuma u‐Jeremiya e‐Yerusaleme ukuya elizweni lakwa‐Benjamine, ukuba amkele isahlulelwa sake sakona pakati kwabantu. 13Nxa abesesangweni lika‐Benjamine, kwabako kona inkosi yokulinda, egama lingu‐Yirija, unyana ka‐Shelemiya, unyana ka‐Hananiya; yena wambamba u‐Jeremiya umprofite, esiti: Uyapongomela kuwo ama‐Kaledine! 14Wayesiti u‐Jeremiya: Uyaxoka, andipongomeli kuwo ama‐Kaledine; kodwa akapulapula kuye; kwa njalo u‐Yirija wambamba u‐Jeremiya, wamzisa kwinkosana. 15Zaye inkosana zibe zinomsindo ngakuye u‐Jeremiya, zambeta, zamfaka entolongweni, endlwini ka‐Jonatane umba̔li, ngokuba zibe ziyenzile yona ibe yintolongo.
16Nxa u‐Jeremiya abengenile pakati emnxunyeni nasezigingqini, nanxa u‐Jeremiya abehleli kona imihla yamininzi, 17wandula watuma ukumkani u‐Zedekiya wamtabata; waza ukumkani wambuza ngasese endlwini yake, wati: Liko na ilizwi livela kuyehova? Wati u‐Jeremiya: Liko; wayesiti: Uya kunikelwa esandleni sokumkani we‐Babilone. 18Waza u‐Jeremiya wati kuye ukumkani u‐Zedekiya: Ndonile nganto nina ngakuwe, nangakuzo izicaka zako, nangakubo ababantu, ukuba nindifakile entolongweni? 19Bapina ke abaprofite benu abebeprofitesha kuni, besiti: Ukumkani we‐Babilone akayi kuza ngakuni, nangakulo elilizwe? 20Ngako kaloku, zupulapule ke, Nkosi yam kumkani! makesiti isitaṙuziso sam sibekwe ebusweni bako, uze ungandibuyiseli endlwini ka‐Jonatane umba̔li, ukuba ndingafeli kona. 21Waza ukumkani u‐Zedekiya waxela ukuba mababeke u‐Jeremiya enkundleni yentolongo, nokuba anikwe isimba lesonka imihla ngemihla livela esitarateni saboji, side sigqitywe sonke isonka esixekweni. Kwa njalo u‐Jeremiya wahlala enkundleni yentolongo.
Currently Selected:
U‐Jeremiya 37: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.