U‐Jeremiya 36

36
1KWAYE kute ngomnyaka wesine ka‐Yoyakime unyana ka‐Josiya ukumkani wo‐Juda, leza elilizwi ku‐Jeremiya livela kuyehova, lisiti: 2Zitabatele umqulu wencwadi, uwaba̔le kuwo onke amazwi endiwatetileyo kuwe, ngo‐Sirayeli, nango‐Juda, nangazo zonke izizwe, kwa semhleni endateta kuwe, kwa semihleni ka‐Josiya, kwada kwanamhla nje. 3Ingati indlu ka‐Juda iya kuva lonke ilishwa endicingayo ukubenzela lona, ukuze babuye abanye ngabanye endleleni yabo ekohlakeleyo, ndize ndibaxolele ityala labo nesono sabo. 4Waza u‐Jeremiya wabiza u‐Baruke unyana ka‐Neriya; waye u‐Baruke waba̔la ngomlomo ka‐Jeremiya onke amazwi kayehova, lawo ubewatetile kuye, pezu kwomqulu wencwadi. 5Wandula u‐Jeremiya wamyalela u‐Baruke, ngokuti: Mna ndivalelwe, ndikohliwe ukuya endlwini kayehova: 6uz’ uye wena, uleseshe emqulwini, lowo uwuba̔lileyo ngomlomo wam, amazwi kayehova, ezindlebeni zabantu, endlwini kayehova, ngemini yokuzila; nakanjalo ezindlebeni zo‐Juda bonke, abavela ezixekweni zabo, uya kuwalesesha. 7Kungati baya kubeka isitaṙuziso sabo pambi kwoyehova, babuye abanye ngabanye endleleni yabo ekohlakeleyo; ngokuba inkulu ingqumbo nobuṙalaṙume abutetileyo uyehova ngakubo ababantu. 8Waye u‐Baruke unyana ka‐Neriya wenza ngako konke abemyalele kona u‐Jeremiya umprofite, ngokulesesha encwadini leyo amazwi kayehova, endlwini kayehova.
9Kwaza kwati, ngomnyaka wesihlanu ka‐Yoyakime unyana ka‐Josiya ukumkani wo‐Juda, ngenyanga yesitoba, bashumayela inzilo pambi kwoyehova bonke abantu abase‐Yerusaleme, nabo bonke abantu abebevele ezixekweni zakwa‐Juda ukuza e‐Yerusaleme. 10Wandula walesesha u‐Baruke encwadini leyo amazwi ka‐Jeremiya, endlwini kayehova, enkambilini ka‐Gemariya unyana ka‐Shafane umba̔li, ebaleni lasentla, emnyango wesango elitsha lendlu kayehova, ezindlebeni zabantu bonke.
11Kekaloku u‐Mikaya, unyana ka‐Gemariya, unyana ka‐Shafane, akuba evile onke amazwi kayehova kuloncwadi, 12wandula wehla waya endlwini yokumkani, enkambilini yomba̔li; kekaloku bona ke, zonke inkosana zibe zihleli kona: u‐Elishama umba̔li, no‐Delaya unyana ka‐Shemaya, no‐Elinatane unyana ka‐Hakebore, no‐Gemariya unyana ka‐Shafane, no‐Zedekiya unyana ka‐Hananiya, nenkosana zonke. 13Waza u‐Mikaya waxela kuzo onke amazwi abewavile, akulesesha u‐Baruke encwadini leyo ezindlebeni zabantu. 14Zandula zonke inkosana zamtuma ku‐Baruke u‐Yehudi, unyana ka‐Netaniya, unyana ka‐Shelemiya, unyana ka‐Kushi, zisiti: Umqulu, ubulesesha kuwo ezindlebenizabantu, wutabate esandleni sako, uze nawo. Wasuka u‐Baruke unyana ka‐Neriya wawutabata umqulu esandleni sake, weza kuzo. 15Zaye zisiti kuye: Hlala pantsi ke, uwuleseshe ezindlebeni zetu. Waza u‐Baruke walesesha ezindlebeni zazo. 16Kwaye kute, nxa zibe zivile onke amazwi awo, zajikelana ngokunkwantya; zada zati ku‐Baruke: Siya kuwaxela ngokwenyaniso onke lamazwi kukumkani. 17Zaza zambuza u‐Baruke, zisiti: Sixelele ke, ute nina ukuba̔la onke lamazwi ngomlomo wake? 18Waye u‐Baruke esiti kuzo: Ngomlomo wake wanditetela onke lamazwi, ndaza ndawaba̔la encwadini ngeyinke. 19Zandula zati inkosana ku‐Baruke: Hamba, uye uzimele, wena no‐Jeremiya; makungaziwa mntu apo nikona.
20Zaza zangena kukumkani ebaleni, kodwa umqulu zawubekela enkambilini ka‐Elishama umba̔li; zaye zixela onke amazwi awo ezindlebeni zokumkani. 21Waza ukumkani wamtuma u‐Yehudi aye kutabata umqulu, owawususa enkambilini ka‐Elishama umba̔li; waye u‐Yehudi wawulesesha ezindlebeni zokumkani, nasezindlebeni zazo zonke inkosana ezibe zimi ngakuye ukumkani. 22Kekaloku ukumkani ebehleli endlwini yobusika, ngenyanga yesitoba, ungxawo epambi kwake enomlilo usitsha. 23Kwaza kwati, nxa u‐Yehudi abeleseshile inṙozo zantatu umhlaumbi zane, wandula wawusika ngesitshetshe somba̔li, wawuposa emlilweni obusengxaweni, wada wagqitywa wonke umqulu emlilweni obusengxaweni. 24Baye bengoyiki, abaṙazula ingubo zabo kanjalo, kwa nokumkani, nazo zonke izicaka zake ezibe zivile onke lamazwi. 25Kodwa noko u‐Elinatane, no‐Delaya, no‐Gemariya, bebetandazele kukumkani ukuba makangatshisi umqulu; koko ebengapulapuli kubo. 26Waza ukumkani wabayalela u‐Jeramele unyana ka‐Hameleke, no‐Seraya unyana ka‐Zariyeli, no‐Shelemiya unyana ka‐Habideli, ukuba babambe u‐Baruke umba̔li no‐Jeremiya umprofite: kodwa uyehova wabafihla.
27Landula ilizwi likayehova leza ku‐Jeremiya, emveni kwokuba ukumkani ebetshisile umqulu, namazwi abewaba̔lile u‐Baruke ngomlomo ka‐Jeremiya, lisiti: 28Buya uzitabatele umqulu omnye, uwaba̔le kuwo onke amazwi apambili abesemqulwini wokuqala, lowo u‐Yoyakime ukumkani wo‐Juda wawutshisayo. 29Nakuye u‐Yoyakime ukumkani wo‐Juda uya kuti: Utsho uyehova ukuti: Uwutshisile umqulu lo, usiti: Yinina ukuba uba̔lile kuwo, ngokuti: Ukumkani we‐Babilone uya kuza ngokwenyaniso, alitshabalalise elilizwe, enze nokuba abantu nezilo zipele kulo? 30Ngako oko utsho uyehova ngaye u‐Yoyakime ukumkani wo‐Juda, ukuti: Akayi kuba namnye ohleli eteroneni ka‐Davide; nesidumbu sake sona siya kulahlelwa ebushushwini emini, nasengqeleni ebusuku. 31Ndandiya kwohlwaya yena, nenzalo yake, nezicaka zake, ngenxa yokukohlakala kwabo; ndandiya kuzisa pezu kwabo, napezu kwabemi base‐Yerusaleme, napezu kwamadoda akwa‐Juda, lonke ilishwa endilitetileyo ngakubo, koko bengapulapulanga.
32Wandula u‐Jeremiya watabata umqulu omnye, wawunika ku‐Baruke, unyana ka‐Neriya, umba̔li; owaba̔la kuwo, ngomlomo ka‐Jeremiya, onke amazwi encwadi ebitshisiwe ngu‐Yoyakime ukumkani wo‐Juda emlilweni: kwaye kusongezwa kuwo amazwi amaninzi abenjengawo la.

Currently Selected:

U‐Jeremiya 36: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena