U‐Jeremiya 35
35
1ILIZWI elezayo ku‐Jeremiya livela kuyehova, emihleni ka‐Yoyakime unyana ka‐Josiya ukumkani wo‐Juda, lisiti: 2Hamba uye kwindlu yama‐Rekabe, utete nawo, uwazise endlwini kayehova, kwenye yazo inkambili, uwaseze iveyine. 3Ndaza ndatabata u‐Yazaniya, unyana ka‐Jeremiya, unyana ka‐Habatsiniya, nabazalwana bake, nabo bonke onyana bake, nayo yonke indlu yama‐Rekabe; 4ndabazisa endlwini kayehova, enkambilini yonyana baka‐Hanane, unyana ka‐Gidaliya, indoda katixo, ebikufupi nenkambili yenkosana, ebipezu kwenkambili ka‐Mahaseya, unyana ka‐Shalume, umgcini womnyango. 5Ndaza ndabeka pambi kwonyana bendlu yama‐Rekabe ibekile zizele yiveyine, nendebe, ndati kubo: Selani iveyine. 6Koko bati: Asiyi kusela iveyine; ngokuba u‐Yehonadabi, unyana ka‐Rekabe, ubawo, wasiyalela ngokuti: Aniyi kusela iveyine, nina, nabantwana benu, kude kube ngunapakade. 7Nezindlu aniyi kuzaka, nembewu aniyi kuyihlwayela, nemiyezo yemiti yeveyine aniyi kuyityala; aniyi kuba nezonto kanjalo; koko niya kuhlala ezintenteni yonke imihla yenu, ukuze nipile imihla emininzi pezu kwobuso bomhlaba, apo ningabapambukeli kona. 8Saye sivile ilizwi lika‐Yehonadabi, unyana ka‐Rekabe, ubawo, ngako konke wasiyalelayo, ukuba singaseli iveyine yonke imihla yetu, tina, abafazi betu, onyana betu, nentombi zetu; 9nokuba singaki izindlu zokuhlala kwetu; kanjako asinayo imiyezo yemiti yeveyine, namasimi, nembewu; 10koko sihleli ezintenteni, sasivile, senze nokwenza ngako konke wasiyalelayo u‐Yehonadabi ubawo. 11Kodwa kwaye kute, akunyuka u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone ukuza elizweni, sandula sati: Yizani siye e‐Yerusaleme, ngenxa yempi yama‐Kaledine, nangenxa yempi yama‐Siriya; kukona sihlala e‐Yerusaleme.
12Laza ilizwi likayehova, leza ku‐Jeremiya, lisiti: 13Utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Hamba uti kuwo amadoda akwa‐Juda, nakubo abemi base‐Yerusaleme: Aniyi kuyamkela imfundiso na, ukuba nipulapule amazwi am? utsho uyehova. 14Amazwi ka‐Yehonadabi unyana ka‐Rekabe, lawo wabayalela onyana bake ngawo okuba bangaseli iveyine, afeziwe; ngokuba bengayiselanga kwada kwanamhla nje, koko bevile umyalelo woyise wabo: kanti nditetile kuni, ndivuka kusasa nditeta, kodwa anipulapulanga kum. 15Ngokuba nditumile kuni izicaka zam abaprofite, ndivuka kusasa ndizituma, ndisiti: Guqukani ke abanye ngabanye endleleni yabo ekohlakeleyo, nilungise izenzo zenu, nize ningalandeli otixo bambi ngokubakonza, naniya kuhlala elizweni endilinikileyo kuni nakoyihlo benu; kodwa anitobanga indlebe yenu, anipulapulanga kum kanjako. 16Ngokokuba onyana baka‐Yehonadabi unyana ka‐Rekabe bewufezile umyalelo woyise wabo, lowo ubebayalela wona, kanti ababantu abapulapulanga kum; 17ngako oko, utsho uyehova, utixo wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Bona ke, ndiya kuzisa pezu kwo‐Juda napezu kwabo bonke abemi base‐Yerusaleme, lonke ilishwa endilitetileyo ngakubo; ngenxa yokuba nditetile kubo, koko bengevanga, nokuba ndibizile kubo, koko bengapendwanga.
18Waza u‐Jeremiya wati kuyo indlu yama‐Rekabe: Utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Ngenxa yokuba niwuvile umyalelo ka‐Yehonadabi uyihlo wenu, nokuba niyigcinile yonke imiyalezelo yake, nokuba nenzile ngako konke abeniyalela kona; 19ngako oko, utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Akuyi kunqamkela u‐Yehonadabi unyana ka‐Rekabe indoda imi pambi kwam imihla yonke.
Currently Selected:
U‐Jeremiya 35: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.