U‐Jeremiya 34

34
1ILIZWI elezayo ku‐Jeremiya livela kuyehova, nxa u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, nayo yonke impi yake, nabo bonke ubukumkani belizwe lokupata kwake, nabo bonke abantu, bebesilwa ngakuyo i‐Yerusaleme, nangakuzo zonke izixeko zayo, lisiti:
2Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Hamba utete ku‐Zedekiya ukumkani wo‐Juda, uti kuye: Utsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiya kunikela isixeko esi esandleni sokumkani we‐Babilone, oya kusitshisa ngomlilo. 3Nawe akuyi kusinda esandleni sake, koko uya kubanjwa ngenyaniso, unikelwe esandleni sake; oti amehlo ako awabone amehlo okumkani we‐Babilone, nomlomo wake utete nomlomo wako, uye wena e‐Babilone. 4Noko, yiva ilizwi likayehova, Zedekiya, kumkani wo‐Juda! Utsho uyehova ngawe ukuti: Akuyi kufa ngesiṙele. 5Eluxolweni uya kufa, nangezitshiselwa zoyihlo bako, okumkani batanci abebepambili kuwe, ngezinjalo baya kutshisela wena; nangokuti: Au, nkosi! bokulilela: ngokuba ilizwi ndilitetile mna, utsho uyehova.
6Waza u‐Jeremiya umprofite wateta onke lamazwi ku‐Zedekiya ukumkani wo‐Juda e‐Yerusaleme, 7nxa impi yokumkani we‐Babilone ibisilwa ngakuyo i‐Yerusaleme, nangakuzo zonke izixeko zakwa‐Juda eziseleyo, ngakuyo i‐Lakishe nangakuyo i‐Hazeka: ngokuba ezi zibe zisala pakati kwezixeko zakwa‐Juda, zizizixeko ezinqatyisiweyo.
8ILIZWI elezayo ku‐Jeremiya livela kuyehova, emveni kwokuba ukumkani u‐Zedekiya ebelwenzile ucebano nabo bonke abantu ababese‐Jerusaleme, ukushumayela inkululeko kubo: 9Ukuba mabandulule abanye ngabanye isicaka sabo, nabanye ngabanye isicakakazi sabo, um‐Hebere nom‐Heberekazi, bekululekile; kuze kungabiko mntu obakonzisayo, um‐Juda umzalwana wake. 10Zati zakuva zonke inkosana, nabo bonke abantu abebengenile elucebanweni, ukuba mabandulule abanye ngabanye isicaka sabo, nabanye ngabanye isicakakazi sabo, zikululekile, ukuze bangabi sazikonzisa, bandula beva, bazindulula ke. 11Kodwa emva kwokunjalo bajika, babuyisa izicaka nezicakakazi abebezindulule zikululekile, bazitobisa zibe zizicaka nezicakakazi.
12Ngako ilizwi likayehova leza ku‐Jeremiya livela kuyehova, lisiti: 13Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Ndalwenza ucebano noyihlo benu emhleni ndabapumisayo elizweni le‐Jipete, endlwini yobukoboka, ndisiti: 14Ekupeleni kweminyaka isixe̔nxe niya kumndulula abanye ngabanye umzalwana wabo, um‐Hebere, otengiselwe kuwe, okukonzileyo iminyaka mitandatu; ewe, uya kumndulula ekululekile kuwe: kodwa oyihlo benu abandipulapulanga, abatobanga indlebe yabo kanjako. 15Naye nina nibe niguqukile namhla, nenza okufaneleyo emehlweni am, nishumayela abanye ngabanye inkululeko kummelwane wabo, nalwenza ucebano pambi kwam endlwini ebizwayo ngegama lam. 16Koko nibuye naguquka, nalidyoba igama lam, nanibuyisile abanye ngabanye isicaka sabo, nabanye ngabanye isicakakazi sabo, enibe nizindulule zikululekile ngentando yazo, nazitobisa zibe zizicaka nezicakakazi kuni.
17Ngako oko utsho uyehova ukuti: Anipulapulanga kum, ngokushumayela inkululeko abanye ngabanye kumzalwana wabo, nabanye ngabanye kummelwane wabo: bona ke, ndiya kushumayelela nina inkululeko, utsho uyehova, kulo iṙele, nakuso isifo esibubisayo, nakuyo indlala, ndininikele ekuzanyazanyisweni kubo bonke ubukumkani bomhlaba. 18Ndandiya kunikela amadoda alugqitileyo ucebano lwam, lawo angawaqinisanga amazwi ocebano abelwenzile pambi kwam, akucanda itole kubini, aza adlula pakati kwezito zalo; 19inkosana zakwa‐Juda, nenkosana zase‐Yerusaleme, ababusi, nabaperisite, nabo bonke abantu belizwe, abadlulileyo pakati kwezito zetole; 20sendiya kunikela bona esandleni sentshaba zabo, nasesandleni sabafunayo ubomi babo; zaye izidumbu zabo ziya kuba kukutya ezintakeni zezulu, nasezilweni zomhlaba. 21No‐Zedekiya ukumkani wo‐Juda, nenkosana zake, ndobanikela esadleni sentshaba zabo, nasesandleni sabafunayo ubomi babo, nasesandleni sempi yokumkani we‐Babilone, abanyukileyo kuni. 22Bona ke, ndiya kuxela, utsho uyehova, ndibabuyisele kwesisixeko, babeya kulwa ngakuso, basibambe, basitshise ngomlilo; nezixeko zakwa‐Juda ndiya kuzenza ingcitakalo, zingenabemi.

Currently Selected:

U‐Jeremiya 34: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena