U‐Jeremiya 23

23
1Kwoba nzima kubo abalusi abazibubisayo abaziti sa igusha zedlelo lam! utsho uyehova. 2Ngako oko utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, pezu kwabalusi ababalusa abantu bam, ukuti: Nina nizite sa igusha zam, nazigxota, anizilindanga ke; bona ke, ndiya kunohlwaya ngenxa yenkohlakalo yezenzo zenu, utsho uyehova. 3Kodwa ndiya kubuta isisalela segusha zam kuwo onke amazwe apo endizigxotele kona; ndandiya kuzibuyisela emaṙiweni azo, zaziya kucu̔ma zande. 4Ndandiya kubamisa pezu kwazo abalusi abaya kuzalusa; aziyi kubuya zoyike, aziyi kwetuswa, aziyi kuba zingeko kanjako, utsho uyehova.
5Bona ke, imihla iyeza, utsho uyehova, ukuba ndiya kuvusela u‐Davide isebe elilungileyo, nokuba ukumkani uya kupata ubukumkani alungiseke, enze ubugwebo nobulungisa emhlabeni. 6Emihleni yake u‐Juda uya kusindiswa, no‐Sirayeli wohlala ekunqabeni: negama lake, aya kubizwa ngalo leli lokuti: Uyehova ubulungisa betu. 7Ngako oko, bona ke, imihla iyeza, nxa bangayi kubuya bati: Uyehova uhleli, owenyusayo usapo luka‐Sirayeli ezweni le‐Jipete; 8koko beya kuti: Uyehova uhleli, oyinyusileyo, oyingenisileyo kanjalo, inzalo yendlu ka‐Sirayeli ivela ezweni lasenode, nasemazweni onke apo endibe ndibagxotele kona; baze bahlale kuwo owabo umhlaba.
9NGABO abaprofite: Yapukile intliziyo yam pakati kwam, ayazamazama onke amatambo am; ndinjengomntu onxilileyo, nanjengendoda eyeyisiweyo yiveyine; ngenxa kayehova, nangenxa yamazwi ake angcwele. 10Ngenyaniso ilizwe lizele ngabaṙexezi; ngenyaniso ngenxa yesiqalekiso ilizwe liyalila, amariwa asentlango omile; ngokuba uhambo lwabo lukohlakele, namandla abo engalungile. 11Ngenyaniso nomprofite nomperisite bangabaginwa; kwa kuyo indlu yam ndifumene inkohlakalo yabo, utsho uyehova. 12Ngako oko indlela yabo yoba njengendawo ezibutelezi ebumnyameni kubo; baya kugxotwa, bawe kuzo: ngokuba ndiya kuzisa ilishwa pezu kwabo, umnyaka wokwohlwoywa kwabo, utsho uyehova. 13Ndibonile ubudenge kubaprofite base‐Samariya: baprofitesha ngo‐Bali, nabantu bam babalahlekisa. 14Nakubaprofite base‐Yerusaleme ndiyibonile into eyoyikekileyo; bayaṙexeza, bayahamba ebuxokini; bayazomeleza izandla zabayenzayo inkohlakalo kanjalo, kuze kungabiko namnye oguqukayo enkohlakalweni yake; bona bonke banjenge‐Sodome kum, nabemi bayo njenge‐Gomora. 15Ngako oko utsho uyehova wemikosi pezu kwabaprofite abo ukuti: Bona ke, ndiya kubadlisa umhlonyane, ndibaseze amanzi enyongo; ngokuba kupumile kubaprofite base‐Yerusaleme ubuginwa ukuya kulo lonke ilizwe.
16Utsho uyehova wemikosi ukuti: Ningapulapuli kuwo amazwi abaprofite abaprofiteshayo kuni; bayanenza abangendawo; bayateta umboniso weyabo intliziyo, ungaveli emlonyeni kayehova. 17Bamana besiti kubo abandidelayo: Utetile uyehova, uxolo lwobako kuni; nabo bonke abahambayo ngobulukuni bentliziyo yabo, bati kubo: Akuyi kuza pezu kwenu nalinye ilishwa. 18Ngokuba ngubanina oke wema esihlelweni sikayehova, waza walinakana umhlaumbi waliva ilizwi lake? ngubanina ogqalileyo ilizwi lake, waliva nokuliva? 19Bona ke, uqwitela lukayehova lupumile ngomsindo, uqwitela olujingajingayo; luya kujingajingiswa pezu kwentloko yabakohlakeleyo. 20Ingqumbo kayehova ayiyi kubuya, kude azenze, nakude azifeze izicingo zentliziyo yake: ngeyasemva imihla niya kukolisa ukuqonda oku. 21Anditumanga abaprofite abo, kanti bona babalekile; anditetanga kubo, kanti bona baprofiteshile. 22Koko ukuba bebemi esihlelweni sam, ngebese bebavisile abantu bam amazwi am, babaguqula endleleni yabo ekohlakeleyo, nasenkohlakalweni yezenzo zabo.
23Ndi ngutixo okufupi na, utsho uyehova, ndinge ngutixo okude na kanjalo? 24Umntu angazifihla na ezindaweni ezifihlakeleyo, ukuba ndingamboni mna? utsho uyehova. Andizalisanga na izulu nomhlaba? utsho uyehova. 25Ndikuvile oko kutshiwo ngabaprofite, abaprofiteshayo ubuxoki egameni lam, besiti: Ndipupile, ndipupile. 26Kude kube ninina kwobako oku entliziyweni yabaprofite abaprofitesha ubuxoki, kwa abaprofite benkohliso yeyabo intliziyo? 27abacamangayo ukuba baya kwenza abantu bam balibale igama lam ngamapupa abo, abawaxoxayo omnye kwomnye, njengokuba oyise babo bebelibala igama lam ngo‐Bali. 28Umprofite okunaye ipupa, makabalise ipupa; nalowo ilizwi lam linaye, makalitete ilizwi lam ngenyaniso. Iyinto nina inca kwinqolowa? utsho uyehova. 29Alinjalo na ilizwi lam, njengomlilo, utsho uyehova, nanjengesando esiluti viti ulwalwa? 30Ngako oko, bona ke, ndingakubo abaprofite, utsho uyehova, abeba̔yo amazwi am omnye kwomnye. 31Bona ke, ndingakubo abaprofite, utsho uyehova, abatabatayo ulwimi lwabo, bati: Utsho. 32Bona ke, ndingakubo abaprofitesha amapupa abuxoki, utsho uyehova, abawaxoxayo, baze balahlekise abantu bam ngelwimi zabo, nangokuzidla kwabo; ngokuba ndingabatumanga, ndingabayalelanga kanjalo; ngako abayi kubanceda ababantu nakanye, utsho uyehova.
33Naxeshekweni baya kukubuza abantu aba, umhlaumbi umprofite, umhlaumbi umperisite, besiti: Uyinto nina umtwalo kayehova? wandule ukuti kubo: Ngumtwalo nina? owokuba ndonilahla, utsho uyehova. 34Nomprofite, nomperisite, nababantu abaya kuti: Umtwalo kayehova; sendiya kuyohlwaya indoda leyo nendlu yayo. 35Niya kutsho, omnye ngomnye kummelwane wake, nomnye ngomnye kumzalwana wake, ukuti: Yinto nina ayipenduleyo uyehova? nokuti: Yinto nina ayitetileyo uyehova? 36Kodwa umtwalo kayehova aniyi kubuya niwukankanye; ngokuba ilizwi labanye ngabanye loba ngumtwalo wabo; ekubeni niwatyekisile amazwi ake utixo opilileyo, uyehova wemikosi, utixo wetu. 37Uya kutsho kumprofite ukuti: Yinto nina akupendulele yona uyehova? nokuti: Yinto nina ayitetileyo uyehova? 38Kodwa ukuba niti: Umtwalo kayehova; kukona atsho uyehova ukuti: Ngenxa yokuba niteta elilizwi lokuti: Umtwalo kayehova; nangona nditumile kuni, ndisiti: Aniyi kuti: Umtwalo kayehova; 39ngako oko, bona ke, sendiya kugqibela ukunilibala; ndandiya kulahla nina, nesixeko endasinikayo kuni nakoyihlo benu, kwa sebusweni bam. 40Ndandiya kubeka pezu kwenu isigxekwa esingunapakade, nehlazo elingunapakade, elingasayi kulityalwa.

Currently Selected:

U‐Jeremiya 23: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena