U‐Jeremiya 24

24
1UYEHOVA wandibonisa, kekaloku nazi izitya zibini zemikiwane, zimisiwe pambi kwetempile kayehova, emveni kwokuba u‐Nebukanetsare, ukumkani we‐Babilone, ebefudusile u‐Yekoniya, unyana ka‐Yoyakime, ukumkani wo‐Juda, nenkosana zakwa‐Juda, nencibi, nabakandi, e‐Yerusaleme, wabazisa e‐Babilone. 2Esinye isitya sibe sinemikiwane elungileyo kakulu, njengemikiwane evutwa kuqala; nesinye isitya sibe sinemikiwane emibi kakulu, ebingenakudliwa ngenxa yobubi bayo. 3Wayesiti uyehova kum: Ubona nto nina, Jeremiya? Ndaza ndati: Imikiwane; imikiwane elungileyo ilungile kakulu, nemibi mibi kakulu, engenakudliwa ngenxa yobubi bayo.
4Landula leza kum ilizwi likayehova, lisiti: 5Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Njengayo lemikiwane elungileyo, kwa njalo ndiya kuvuma abafudusiweyo bakwa‐Juda, endibandulule kulendawo baye elizweni lama‐Kaledine, kube kukulunga kwabo. 6Ngokuba ndiya kubeka iliso lam pezu kwabo kube kukulunga, ndibabuyisele kwelilizwe; ndize ndibake, ndingabaciti, ndibatyale, ndingabadonyuli. 7Ndandiya kubanika intliziyo yokundazi, ukuba mna ndi nguyehova; boba ngabantu bam, ndoti mna ndibe ngutixo wabo: ngokuba beya kubuyela kum ngayo yonke intliziyo yabo.
8Nanjengemikiwane emibi, engenakudliwa ngenxa yobubi bayo, ngenyaniso utsho uyehova ukuti: Kwa njalo ndiya kunikela u‐Zedekiya ukumkani wo‐Juda, nenkosana zake, nesisalela sabase‐Yerusaleme, abo basele kwelilizwe, nabo bahleli ezweni le‐Jipete; 9ndoka ndibanikele ekuzanyazanyisweni naselishweni, kubo bonke ubukumkani bomhlaba; babe sisigxekwa nento yokuzekeliswa, ilizwi lokuhlekisa nesiqalekiswa, kuzo zonke indawo apo ndiya kubagxotela kona; 10ndandiya kutuma pakati kwabo isiṙele, indlala, nesifo esibubisayo, bade bagqitywe kulomhlaba ndawunikayo kubo nakoyise babo.

Currently Selected:

U‐Jeremiya 24: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena