U‐Jeremiya 22

22
1UTSHO uyehova ukuti: Yihla uye endlwini yokumkani wo‐Juda, utete kona elilizwi, 2uti: Yiva ilizwi likayehova, kumkani wo‐Juda, ohleli pezu kweterone ka‐Davide! wena, nezicaka zako, nabantu bako, abangenayo ngalamasango! 3Utsho uyehova ukuti:
Yenzani ubugwebo nobulungisa, nimhlangule opangiweyo esandleni sombandezeli: owasemzini, inkedama, nomhlolokazi ningabapati kakubi: ningabenzi ubudlwengu; negazi elingenatyala ningalipalazi kulendawo. 4Ngokuba nxa nimana ukwenza lento, kuya kwandula kungene ngamasango alendlu okumkani behlalele u‐Davide pezu kweterone yake, bekwele ezinqwelweni nasemahasheni, yena, izicaka zake, nabantu bake. 5Kodwa ukuba aniyi kuva lamazwi, ndiyazifunga mna, utsho uyehova, okokuba indlu le yoba yingcitakalo. 6Ngokuba esitsho uyehova ngayo indlu yokumkani wo‐Juda, ukuti: Wena uyi‐Gileyadi kum, uyintloko ye‐Lebanone; ngenyaniso ndiya kukwenza intlango, izixeko ezingenabemi. 7Ngokuba ndiya kubahlula ngakuwe abatshabalalisi, abanye ngabanye benezixo̔bo zabo; abaya kugaula isedare zako ezidlulisileyo, bazipose emlilweni. 8Zaye izizwe ezininzi ziya kudlula ngakuso esisixeko, bati abantu omnye kwomnye: Kungenxa yanina enje nje uyehova kwesisixeko sikulu? 9Babeya kuti: Kungenxa yokuba bebeshiya ucebano lukayehova, utixo wabo, babedesha otixo bambi, babakonza.
10Ningamlileli ofileyo, ningamncwineli kanjako: kolisani ukulilela lowo umkayo; ngokuba engasayi kubuya, nelizwe lokuzalwa kwake akayi kulibona. 11Ngokuba esitsho uyehova ngaye u‐Shalume unyana ka‐Josiya ukumkani wo‐Juda, obengukumkani esikundleni sika‐Josiya uyise, owapuma kulendawo, ukuti: Akasayi kubuyela kona; 12koko aya kufela endaweni apo bamfudusele kona, nelilizwe akayi kubuya alibone.
13Kwoba nzima kuye owakayo indlu yake ngokungalungileyo, nenkambili zapezulu zake ngokungafanelekileyo; okonzisayo ummelwane wake ngokungento, nomvuzo wake akawuniki kuye; 14oti: Ndiya kuzakela indlu enkulu, nenkambili zapezulu ezibanzi; ozicandelayo ifenstile; ifulelwe ngesedare, iqatyiwe ngeqabo elibomvu. 15Uya kupata ubukumkani na ngokuba uzondelela isedare? akati na uyihlo wako wadla wasela, wenza ubugwebo nobulungisa? oko kwakulungile kuye. 16Walungisa ityala lehlwempu nosweleyo; oko kwakulungile kuye: asi kuko oku na ukundazi mna? utsho uyehova. 17Kodwa amehlo ako nentliziyo yako zipezu kwempango yako kupela, napezu kwegazi elingenatyala, ukuba ulipalaze, napezu kwokubandezela nokuncinezela, ukuba wenze ngako. 18Ngako oko utsho uyehova ngaye u‐Yoyakime unyana ka‐Josiya ukumkani wo‐Juda, ukuti: Abayi kumlilela ngokuti: Au, mkuluwe wam! nokuti: Au, dade! abayi kumlilela ngokuti: Au, nkosi! nokuti: Au, ubungangamsha bake! 19Uya kuncw̔atywa ngokuncw̔atywa kweqwaṙashe; uya kur̔olwa alahlwe ngasele kwamasango e‐Yerusaleme.
20Nyuka i‐Lebanone, udanduluke; nase‐Bashane ku̔pa ilizwi lako, udanduluke e‐Habarime: ngokuba bonke abatandwa bako batiwe shwaqe. 21Ndateta kuwe ekwonwabeni kwako; wabusiti: Andiyi kuva. Yiyo le indlela yako kwa sebutsheni bako, yokuba akulivanga ilizwi lam. 22Bonke abalusi bako umoya uya kubadla, nabatandwa bako boya ekutinjweni; ngenyaniso oko uya kudana, uviswe ihlazo ngenxa yayo yonke inkohlakalo yako. 23Wena uhlalayo e‐Lebanone, owenza indlu yako emitini yesedare! kwoba njanina ukukedameleka kwako kwakuza pezu kwako inimba, ubuhlungu njengobomfazi oza kuzala!
24Ndihleli nje, utsho uyehova, nakuba u‐Koniya unyana ka‐Yoyakime ukumkani wo‐Juda ebengumsesane wokuncamatisela pezu kwesandla sam sokunene, bendiya kukuncotula kona, 25ndikunikele esandleni sabo babufunayo ubomi bako, nasesandleni sabo uboyikayo, kwa sesandleni sika‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, nasesandleni sama‐Kaledine. 26Ndandiya kugxota wena, nonyoko wako okuzeleyo, niye kwelinye ilizwe, apo beningazalwa kona: nalapo niya kufa. 27Kodwa elizweni apo balangazelela ukubuyela kona, abayi kubuyela kona. 28Lendoda u‐Koniya ingumpanda odeliweyo oqekekileyo na? isisitya kungeko inyamekelo na kuso? kunganina ukuba bagxotiwe, yena nenzalo yake, nokuba balahlelwe elizweni abangalaziyo? 29Wena mhlaba! mhlaba! mhlaba! yiva ilizwi likayehova. 30Utsho uyehova ukuti: Ba̔lani lendoda eyengenabantwana, indoda engayi kutamsanqeleka emihleni yayo; ngokuba kungayi kutamsanqeleka namnye kwinzalo yayo, ehlala pezu kweterone ka‐Davide, esapata ubukumkani kwa‐Juda.

Currently Selected:

U‐Jeremiya 22: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena