U‐Jeremiya 21
21
1ILIZWI elezayo ku‐Jeremiya livela kuyehova, nxa ukumkani u‐Zedekiya watuma u‐Pashure unyana ka‐Malekiya, no‐Tsefaniya unyana ka‐Mahaseya umperisite, baye kuye ukuti: 2Sibuzele ke kuyehova; ngokuba u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone esenza imfazwe ngakuti: kungati uyehova wosenzela njengayo yonke imimangaliso yake, ukuze anyuke kuti.
3Waza u‐Jeremiya wati kubo: Niya kutsho ku‐Zedekiya ukuti: 4Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Bona ke, ndiya kujikisa izixo̔bo zemfazwe ezisezandleni zenu, enilwayo ngazo ngakuye ukumkani we‐Babilone, nangakuwo ama‐Kaledine, aniṙaulayo ngapandle kwendonga; ndandiya kuwahlanganisa pakati kwesisixeko. 5Ndiya kulwa ngakuni nam, ngesandla esolulweyo, nangengalo eyomeleleyo, nangengqumbo, nangobuṙalaṙume, nangomsindo omkulu. 6Ndandiya kubeta abemi besisixeko, kwa nabantu nezilo; baya kufa ngesifo esikulu esibubisayo. 7Nasemva kwoko, utsho uyehova, ndobanikela u‐Zedekiya ukumkani wo‐Juda, nezicaka zake, nabantu, nabo baseleyo kwesisixeko besindile kuso isifo esibubisayo, nakulo iṙele, nakuyo indlala, esandleni sika‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, nasesandleni sentshaba zabo, nasesandleni sabo babufunayo ubomi babo: waeya kubabeta ngohlangoti lweṙele; akayi kuba nosizi pezu kwabo, akayi kuba nanceba, akayi kuba nataṙu.
8Nakubo ababantu uya kuti: Utsho uyehova: Bona ke, ndimisa pambi kwenu indlela yobomi, nendlela yokufa. 9Ohlalayo kwesisixeko, uya kufa ngeṙele, nangendlala, nangesifo esibubisayo; kanti lowo upumayo, apongomele kuma‐Kaledine aniṙaulayo, uya kupila, nobomi bake woba nabo bube lixoba. 10Ngokuba ndibekile ubuso bam ngakuso isixeko esi, kube kokubi, kungabi kokulungileyo, utsho uyehova; siya kunikelwa esandleni sokumkani we‐Babilone, oya kusitshisa ngomlilo.
11Nangayo indlu yokumkani wo‐Juda, uti: Yivani ilizwi likayehova: 12Ndlu ka‐Davide! utsho uyehova ukuti: Yenzani ukugweba kusasa, nimhlangule opangiweyo esandleni sombandezeli, hleze bupume njengomlilo ubuṙalaṙume bam, butshise kude kangabiko owucimayo, ngenxa yenkohlakalo yezenzo zenu. 13Bona ke, ndingakuwe, wena uhlalayo emhlanjeni, wena lwalwa lwetafa! utsho uyehova; eniti: Ngubanina oya kuhlela ngakuti? ngubanina noya kungena emakayeni etu? 14Ngokuba ndiya kunohlwaya njengokwesixakato sezenzo zenu, utsho uyehova; ndandiya kupemba umlilo ehlatini layo, oya kuzidla zonke inqele zayo.
Currently Selected:
U‐Jeremiya 21: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.