U‐Jeremiya 14
14
1ILIZWI likayehova elezayo ku‐Jeremiya ngendawo yokwoma.
2I‐Juda iyalila, namasango ayo ayacubuka; ayalila etoba ngasemhlabeni; isikalo se‐Yerusaleme sinyukile. 3Amanene abo ayatuma abancinane bawo ukuka amanzi; bayeza emacibini, abafumani amanzi; bayabuya nemipanda yabo izé; badanile, bamatisiwe, bayagqubutela intloko zabo. 4Ngenxa yokuba umhlaba uṙazukile, ingeko imvula emhlabeni nje, abalimi badanile, bayagqubutela intloko zabo. 5Ewe, nexamakazi liyazala itole endle, lilishiye ke, ngokuba bungeko utyani. 6Kanjalo amaqwaṙa ayema kwezipezulu indawo, ayasezela umoya njengempungutye; amehlo awo ayapela, ngokuba ingeko inca.
7Nakuba izikohlakalo zetu zinqi̔nela ngakuti, Yehova! yenza ngenxa yelako igama; ngokuba izipambuko zetu zininzi; sonile ngakuwe. 8Wena litemba lika‐Sirayeli, ongumsindisi wake ngexesha lobunzima! kunganina ukuba unjengowasemzini elizweni, nanjengomhambi opambukela ukulalisa? 9Kunganina ukuba unjengendoda ebetwa bubutulu, njengeṙoti elikohlwa kukusindisa? Noko wena upakati kwetu, Yehova! siyabizwa ngegama lako kanjako; zungasiyeki.
10Utsho uyehova kwababantu ukuti: Batandile ukudungudela kangaka, ababambanga inyawo zabo; ngako uyehova akababuki; kaloku uya kukumbula inkohlakalo yabo, asohlwayele isono sabo. 11Waza wati uyehova kum: Ungatandazeli ababantu ngenxa yokulunga kwabo. 12Nakuba bazilayo, andiyi kupulapula isikalo sabo; naxeshekweni banikela idini lokutshiswa nomnikelo wokudla, andiyi kubabuka; koko ndiya kubagqiba ngesiṙele, nangendlala, nangesifo esibubisayo.
13Ndaza ndati: Au, Nkosi Yehova! bona ke, abaprofite bati kubo: Aniyi kubona isiṙele, nendlala aniyi kuba nayo, ngokuba ndiya kuninika uxolo oluqinileyo kulendawo. 14Wandula uyehova wati kum: Abaprofite abo bayaprofitesha ubuxoki egameni lam; andibatumanga, andibayalezelanga, anditetanga kubo; ngumlita wobuxoki, nokulaula, nento engendawo, nenkohliso yeyabo intliziyo, abaziprofiteshayo kuni. 15Ngoko utsho ukuti uyehova ngabo abaprofite abaprofiteshayo ngegama lam, nangona ndingabatumanga, abati: Isiṙele nendlala aziyi kubako kwelilizwe: Ngaso isiṙele nangayo indlala baya kugqitywa abaprofite abo. 16Nabantu, abo baprofiteshayo kubo, bolahlelwa ezitarateni ze‐Yerusaleme, ngenxa yendlala nesiṙele, kungeko mntu oya kubancw̔aba, bona, abafazi babo, nonyana babo, nentombi zabo; ngokuba ndiya kugalela pezu kwabo inkohlakalo yabo. 17Ngako uya kuteta kubo elilizwi lokuti: Makatyityizele amehlo am ngenyembezi, ngobusuku nangemini, angabi nakupeza; ngokuba intombi ipela yabantu bam yapukile ngesapuko esikulu, ngesibetwa esibuhlungu kunene. 18Ukuba ndiyapumela endle, naba ababuleweyo ngesiṙele! kanjalo, ukuba ndiyangena esixekweni, naba abanezifo ngendlala! okunene kwa nomprofite nomperisite baya kufudukela elizweni abangalaziyo. 19Ugqibele ukulahla i‐Juda na? umpefumlo wako uyatiya i‐Ziyone na? kunganina ukuba usibetile, kude kungabiko kuti impiliso? Sakangela uxolo, kodwa akuko okulungileyo; nexesha lempiliso, kodwa nasi isituso. 20Siyavuma, Yehova! ukukohlakala kwetu, nokungalungi kwobawo betu; ngokuba sonile ngakuwe. 21Ungadeli ngenxa yegama lako, ungahlazisi iterone yobungcwalisa bako; kumbula, ungalwapuli ucebano lwako nati. 22Kuko na pakati kwezinto ezingendawo zabaheyideni enganisayo imvula? nezulu linganika izipango lona na? wena akunguye na, Yehova ’Tixo wetu? ngako sokangela kuwe, ngokuba nguwe owenza zonke ezizinto.
Currently Selected:
U‐Jeremiya 14: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.