U‐Jeremiya 13
13
1WATSHO uyehova kum ukuti: Hamba uzizuzele umbinqo weqiya, uwufake esinqeni sako, kodwa ungawungenisi emanzini. 2Ndaza ndawuzuza umbinqo njengelizwi likayehova, ndawufaka esinqeni sam.
3Laye ilizwi likayehova lisiza kum ngokwesibini, lisiti: 4Tabata lombinqo uwuzuzileyo, osesinqeni sako, usuke, uye em‐Ferate, uwufihle kona emfanteni weliwa. 5Ndasuka ndaya, ndawufihla ngasem‐Ferate, njengokuba uyehova ebendiyalela. 6Kwaye kute ekupeleni kwemihla emininzi, wandula uyehova wati kum: Suka, uye em‐Ferate, uwususe kwa lapo umbinqo, endibe ndikuyalela ukuba uwufihle kona. 7Ndaza ndaya em‐Ferate, ndemba ke, ndawususa umbinqo kulondawo apo bendiwufihlile kona; kekaloku bona ke, umbinqo ube wonakele, ubungafanelekele nto. 8Landula ilizwi likayehova leza kum, lisiti:
9Utsho uyehova ukuti: Kwa ngokunjalo ndiya kulonakalisa ir̔atshi lo‐Juda, ner̔atshi le‐Yerusaleme elikulu. 10Ababantu bakohlakeleyo, abalayo ukuva amazwi am, abahambayo ngobulukuni bentliziyo yabo, balandele otixo bambi, ukuba babakonze, nokuba bababedeshe, boba kwa njengombinqo lo, ongafanelekele nto. 11Ngokuba, njengokuba umbinqo unamatela esinqeni sendoda, kwa njalo ndiyinamatelisile kum yonke indlu ka‐Sirayeli, nayo yonke indlu ka‐Juda, utsho uyehova, ukuba babe ngabantu, negama, nendumiso, nengewalisa kum; koko bengapulapulanga.
12Ngako uya kuliteta kubo elilizwi: Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Zonke intsuba zozaliswa ngeveyine. Baya kuti kuwe: Asikolisi ukwazi na ukuba zonke intsuba zozaliswa ngeveyine? 13Uya kwandula uti kubo: Utsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiya kuzalisa bonke abemi belilizwe, kwa okumkani abahlalela u‐Davide pezu kweterone yake, nabaperisite, nabaprofite, nabo bonke abemi base‐Yerusaleme, ngokunxila. 14Ndandiya kubakahlelisa omnye ngakuye omnye, kwa oyise nonyana ndawonye, utsho uyehova; andiyi kuba nanceba, andiyi kuba nalusizi, andiyi kuba nataṙu, ukuba ndingabatshabalalisi.
15Yivani, nibeke indlebe; ningaqanqalazi; ngokuba uyehova etetile. 16Nikelani uyehova, utixo wenu, ubungewalisa, engekenzi ubumnyama, zingekaku̔beki inyawo zenu pezu kwentaba ezinonewalazi, nxa nilinda ukukanya, kanti uyakuguqula kube litunzi lokufa, akwenze isitokotoko. 17Kodwa ukuba aniyi kuva oko, umpefumlo wam wolila ezindaweni ezifihlakeleyo ngenxa yer̔atshi lenu; laye iliso lam liya kulila inyembezi kakulu, ewe, liya kutyityizela ngenyembezi; ngokuba umhlambi kayehova utinjiwe. 18Yiti kuye ukumkani nakuyo inkosikazi: Zigobeni, hlalani pantsi; ngokuba kuya kuhla ezintlokweni zenu ikrone yenkazimlo yenu. 19Izixeko zasesuyide zivaliwe, kungeko ozivulayo; iyafuduswa i‐Juda yonke, iyafuduswa ipela. 20Pakamisa amehlo enu, ubone abo bavela enode: upina umhlambi wabuwupiwa, umhlambi wako omhle? 21Woti nina ke, nxa aya kukwohlwaya? ngokuba ubafundisile ukuba zinkosi ezinkulu pezu kwako: aziyi kukubamba inimba na, njengomfazi oza kuzala? 22Naxeshekweni uya kuti entliziyweni yako: Kunganina ukuba ndihlelwe zezizinto? kungobuninzi benkohlakalo yako amasondo engubo yako atyiliwe, nezitende zako zipetwe ngobudlwengu. 23Um‐Tiyopiya uya kuyiguqula intlonze yake na? umhlaumbi ingwe amabala ayo na? oko nani niya kwenza okulungileyo, eniqeleyo ukwenza okukohlakeleyo. 24Ngako ndiya kubacita njengomququ, owemkayo nomoya wasentlango. 25Esi sisiqashiswa sako, isahlulelwa sako esilinganisiweyo sivela kum, utsho uyehova: ngokokuba undilibele mna, watembela ebuxokini; 26kukona nam ndiya kuhluba amasondo engubo yako abe pezu kwobuso bako, ukuze bubonakale ubuhloni bako. 27Imiṙexezo yako, nezikonyo zako, ubutshinitshini bombulo wako, pezu kwenduli ezindleni, izinto zako ezizondekileyo ndizibonile: kwoba nzima kuwe, Yerusaleme! akuyi kuba ngewele na? kwoba semva kwexesha elisengakananina ke?
Currently Selected:
U‐Jeremiya 13: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.