Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

U‐Yisaya 40:28-31

U‐Yisaya 40:28-31 XHO1902A

Akwazanga na? akuvanga na? UTIXO ongunapakade NGUYEHOVA, umdali wamancam omhlaba; akacubuki yena, akadinwa nokudinwa; ukuqonda kwake akunakupengululwa. Ocubukileyo uyamnika amandla; nababutataka uyabandisela ubomelelo. Abafana bocubuka badinwe, namadodana agqibele ukuwa; kanti abo bakangela KUYEHOVA bohlaziya amandla; baya kunyuka ngamapiko njengenkozi; bobaleka, bangadinwa; bohamba, bangacubuki.