UISAYA 40:28-31
UISAYA 40:28-31 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Akwazi na? akuvanga na, ukuba uThixo ongunaphakade nguYehova, uMdali weziphelo zehlabathi? Akatyhafi, akadinwa; ayinakugocwagocwa ingqondo yakhe. Umnika otyhafileyo amandla, ongenakomelela amandisele ukuqina. Namadodana angátyhafa adinwe, nabafana bakhubeke bawe; ke bona abathembele kuYehova baya kuhlaziyeka emandleni; banyuke ngamaphiko njengeenkozi. Baya kugidima bangadinwa, bahambe bangatyhafi.
UISAYA 40:28-31 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kanti ngaba awazi na? Ngaba zange uve na? UNdikhoyo nguThixo onguSonini-nanini; yena ngumdali wehlabathi jikelele. Yena soze adinwe atyhafe, nengqiqo yakhe ayiphengululeki. Yena ngumhlaziyi wâbo batyhafileyo, umomelezi wâbo bangenamandla. Kanti ke nolutsha luyadinwa lutyhafe, abafana bakhubeke bawe, kambe ke bona abakholosa ngoNdikhoyo bosuka bahlaziyeke bomelele. Bosuka bantinge baxel' ukhozi; noba sebebaleka, soze badinwe; ewe, baya kuhamba bangaze batyhafe.
UISAYA 40:28-31 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Beningazi na? Ngaba akuvanga na ukuba uThixo ongunaphakade, uYehova, uMdali weziphelo zomhlaba, akaphelelwa lithemba okanye aphelelwe lithemba? akukho ukuhlolwa kwengqondo kuye. Umnika otyhafileyo amandla; nalowo ungenamandla uyawongezelela ukuqina kwawo. Namadodana adinwe atyhafe, amadodana akhubeke aphele. Ke bona abakholose ngoYehova bona amandla amatsha; baya kunyuka ngamaphiko njengexhalanga; baya kugidima, bangadinwa; baya kuhamba bangatyhafi.
UISAYA 40:28-31 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Akwazanga na? akuvanga na? UTIXO ongunapakade NGUYEHOVA, umdali wamancam omhlaba; akacubuki yena, akadinwa nokudinwa; ukuqonda kwake akunakupengululwa. Ocubukileyo uyamnika amandla; nababutataka uyabandisela ubomelelo. Abafana bocubuka badinwe, namadodana agqibele ukuwa; kanti abo bakangela KUYEHOVA bohlaziya amandla; baya kunyuka ngamapiko njengenkozi; bobaleka, bangadinwa; bohamba, bangacubuki.