Kanti ngaba awazi na? Ngaba zange uve na? UNdikhoyo nguThixo onguSonini-nanini; yena ngumdali wehlabathi jikelele. Yena soze adinwe atyhafe, nengqiqo yakhe ayiphengululeki. Yena ngumhlaziyi wâbo batyhafileyo, umomelezi wâbo bangenamandla. Kanti ke nolutsha luyadinwa lutyhafe, abafana bakhubeke bawe, kambe ke bona abakholosa ngoNdikhoyo bosuka bahlaziyeke bomelele. Bosuka bantinge baxel' ukhozi; noba sebebaleka, soze badinwe; ewe, baya kuhamba bangaze batyhafe.
Funda UISAYA 40
Share
Compare All Versions: UISAYA 40:28-31
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos