UISAYA 40:28-31

Akwazi na? akuvanga na, ukuba uThixo ongunaphakade nguYehova, uMdali weziphelo zehlabathi? Akatyhafi, akadinwa; ayinakugocwagocwa ingqondo yakhe. Umnika otyhafileyo amandla, ongenakomelela amandisele ukuqina. Namadodana angátyhafa adinwe, nabafana bakhubeke bawe; ke bona abathembele kuYehova baya kuhlaziyeka emandleni; banyuke ngamaphiko njengeenkozi. Baya kugidima bangadinwa, bahambe bangatyhafi.
UISAYA 40:28-31