Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Galati 5:13-15
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Galati 5:13-15 XHO1902A
Ngokuba nina benibizelwe inkululeko, bazalwana! ize kodwa ningapati inkululeko yenu ibe lituba kwinyama, niti nikonzelane ngalo utando. Ngokuba wona umteto wonke uzalisekiswa kwilizwi linye, kwelokuti: Uya kutanda ummelwane wako njengokuzitanda kwako. Kodwa ukuba niti nilumane nidlane, lumkani ukuba ningagqityelwa omnye ngomnye.