Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Galati 5
5
1QINISANI ukuma ngoko kulonkululeko usenzile sikululekile ngayo u‐Kristu, nize ningabuyi nibanjelwe eyokweni yobukoboka.
2Kangela, mna Paulusi nditi kuni: Xeshekweni nalukayo, u‐Kristu akayi kuninceda luto. 3Ewe ndiyanqi̔na kanjako kumntu osukuba esaluka, ukuba unetyala lokuba awenze wonke umteto. 4Nahlukanisiwe no‐Kristu, nina enifun’ ukugwetyelwa emtetweni; niwile elufefeni. 5Ngokuba tina ngaye umoya silinda itemba lobulungisa ngokolo. 6Ngokuba kuye u‐Kristu Yesu kungekukwaluka okunamandla nganto, kungekukungaluki nakanjako, kulukolo olusebenzayo ngalo utando.
7Nibe nibaleka kakuhle; ngubanina owaninqandayo ukuba ningayilulameli inyaniso? 8Esisicengo asiveli kulowo unibizayo. 9Igwele elincinane liyabilisa lonke isimba lentlama. 10Mna ke ndinokutemba ngakuni enkosini, ukuba aniyi kunyamekela into yimbi: kodwa lowo unipitizelisayo uya kutwala ukugwetywa kwake, noko angubanina. 11Kodwa mna, bazalwana! ukuba ndisashumayela ulwaluko, yinina ukuba ndisatshutshiswa? kukona sitshabaleleyo izixakaniso sekuruse. 12Akwaba bebeya kuzinqamla ke kuni abo banixalisayo!
13Ngokuba nina benibizelwe inkululeko, bazalwana! ize kodwa ningapati inkululeko yenu ibe lituba kwinyama, niti nikonzelane ngalo utando. 14Ngokuba wona umteto wonke uzalisekiswa kwilizwi linye, kwelokuti: Uya kutanda ummelwane wako njengokuzitanda kwako. 15Kodwa ukuba niti nilumane nidlane, lumkani ukuba ningagqityelwa omnye ngomnye.
16Kekaloku nditi: Hambani ngomoya, naye ningayi kwandula inkanuko yenyama niyifeze. 17Ngokuba yona inyama ikanukela ngakuye umoya, naye umoya ekanukela ngakuyo inyama: ezi ke ziyapambana enye nenye, ukuze ningazenzi izinto enisukuba nitanda ukwenza zona. 18Kodwa ukuba niyakokelwa ngumoya, aningapantsi kwomteto.
19Kekaloku imisebenzi yenyama iyabonakala, eyiyo enje: uṙexezo, umbulo, ubunco̔la, ubutshinitshini, 20inkonzo yezitixo, ukutakata, ubutshaba, amapike, inzondelano, imisindo, inkani, imbambaniso, izahlukano, 21umona, izibulalo, ukunxila, imihlali yobusuku, nezinto ezinjengezi; enditi pambili ngazo kuni, kwa njengokuba ndise nditshilo kanjako, abo bazenzayo izinto ezinjalo abayi kulidla ilifa lobukumkani bukatixo.
22Kodwa isiqa̔mo somoya silutando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade, ububele, ukulunga, inkolo, 23ululamo, ubunca̔tu; ekungeko mteto omela izinto ezinjalo.
24Bate kekaloku abaka‐Kristu inyama bayikurusesha kunye nemilo yayo nenkanuko zayo. 25Ukuba siyabudla ubomi ngomoya, masiti kanjalo sihambe ngomoya. 26Masingabi ngabazidlayo, sitelekisana, sinomona omnye kwomnye.
Currently Selected:
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Galati 5: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.