KUMAGALATI 5:13-15
KUMAGALATI 5:13-15 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kuba nina nabizwelwa enkululekweni, bazalwana; kodwa ke musani ukuthi, ukuyiphatha inkululeko leyo, nivulele inyama ithuba; manisuke ngalo uthando nikhonzane. Kuba wonke umthetho uzaliswe ngazwi linye, ngeli lithi, Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako. Ukuba ke niyagrenyana, nidlane, lumkani ukuba ningagqitywa omnye ngomnye.
KUMAGALATI 5:13-15 IBHAYIBHILE (XHO96)
Nina, mawethu, nibizelwe enkululekweni. Kodwa ke inkululeko yenu mayingabi lokroba lokuba nilawulwe sisimo esidala. Ndaweni yaloo nto khonzanani niqhutywa luthando. Kaloku umthetho xa uwonke ushwankathelwa ngomyalelo omnye othi: “Mthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.” Kodwa ke ukuba niyalwa niqwengane, lumkani hleze nitshabalalisane kuphele.
KUMAGALATI 5:13-15 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kuba nina nabizelwa enkululekweni, bazalwana; kodwa ke musani ukusebenzisa inkululeko yokuxhelela inyama; kodwa khonzanani niqhutywa luthando. Kuba wonke umthetho uzaliswe ngazwi linye, ngeli leli; Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako. Ukuba niyagrenyana, nidlane, lumkani ukuba ningagqitywa omnye ngomnye.
KUMAGALATI 5:13-15 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngokuba nina benibizelwe inkululeko, bazalwana! ize kodwa ningapati inkululeko yenu ibe lituba kwinyama, niti nikonzelane ngalo utando. Ngokuba wona umteto wonke uzalisekiswa kwilizwi linye, kwelokuti: Uya kutanda ummelwane wako njengokuzitanda kwako. Kodwa ukuba niti nilumane nidlane, lumkani ukuba ningagqityelwa omnye ngomnye.