U‐Hezekile 39

39
1Ngako wena, nyana woluntu! profitesha ngakuye u‐Goge, uti: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndingakuwe, Goge, nkosi ye‐Roshi, i‐Mesheki, ne‐Tubali! 2ndandiya kukubuyisa, ndikukape, ndikunyuse emacaleni asenode, ndikuzise pezu kwentaba zakwa‐Sirayeli. 3Ndandiya kusiti kahla isipeta sako esandleni sako sokohlo, nentolo zako ndoziwisa esandleni sako sokunene. 4Pezu kwentaba zakwa‐Sirayeli uya kuwa, wena, nawo onke amabandla ako, nabantu abanawe; ndokunika kwintakakazi zamapiko onke, nakumaṙamncwa asendle, ube kukudla. 5Pezu kwobuso belizwe uya kuwa; ngokuba nditetile mna, itsho inkosi e nguyehova. 6Ndandiya kutuma umlilo kwa‐Magoge, napakati kwabo abahlala eziqitini ngokunqaba; babeya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova. 7Negama lam elingcwele ndolazisa pakati kwabantu bam o‐Sirayeli; ndandingayi kubuya ndilidyobe igama lam elingcwele: baye abaheyideni beya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova, oyingcwele kwa‐Sirayeli. 8Bona ke, kuyeza, kuya kwenziwa kanjalo, itsho inkosi e nguyehova; nguwo umhla enditetileyo ngawo. 9Baya kwandula bapume abemi bezixeko zakwa‐Sirayeli, bapembe umlilo, babase ngazo izixo̔bo, kwa amakakana namakaka, ngezipeta nangentolo, ngengcola nangentshuntshe, bapembe umlilo ngazo iminyaka isixe̔nxe; 10baze bangatezi inkuni ezindleni, bangazigauli emahlatini kanjalo, ngokuba beya kupemba umlilo ngezixo̔bo; babeya kutimba abo babetimba bona, bapange abo babepanga bona, itsho inkosi e nguyehova.
11Kwakuya kuti ngomhla lowo, ndiya kunika u‐Goge indawo kona yamancw̔aba kwa‐Sirayeli, isihlambo sabadluli ngasempumalanga yolwandle, esiya kubambezela abadluli; babeya kuncw̔aba kona u‐Goge naso sonke isihlwele sake, basibize ngokuti sisihlambo se‐Hamone‐goge.#39:11 Oko kukuti: sesihlwele sika‐Goge. 12Zoba zinyanga ezisixe̔nxe indlu ka‐Sirayeli iya kubancw̔aba, ukuze kucokiswe ilizwe. 13Ewe, bonke abantu belizwe baya kuncw̔aba, okuya kuba ludumo kubo, mhlana ndiya kwenzelwa ubungcwalisa, itsho inkosi e nguyehova. 14Babeya kubalula amadoda afuti emsebenzini, edlula elizweni, ebancw̔aba kunye nabadluli abo baseleyo pezu kwobuso belizwe, alicokise: ekupeleni kwenyanga ezisixe̔nxe aya kupengulula. 15Kwoti bakudlula abadluli elizweni, nxa kubonwa itambo lomntu, kwandule kumiswe ngakulo intsika, bade abancw̔abi balincw̔abe esihlanjeni se‐Hamone‐goge. 16Nakanjako igama lesixeko sakona soba yi‐Hamona. Kwa njalo baya kucokisa ilizwe.
17Nawe, nyana woluntu! itsho inkosi e nguyehova ukuti: Yiti kuzo intaka zamapiko onke, nakuwo onke amaṙamncwa asendle: Butani nize ke, zihlanganiseni ngamacala onke ukuza embingweni wam endiwubingela nina, umbingo omkulu pezu kwentaba zakwa‐Sirayeli; naniya kuyidla inyama, nisele igazi. 18Inyama yamaṙoti niya kuyidla, negazi lenkosana zomhlaba nolisela; elenkunzi zegusha, nemvana, nebokwe, nenkabi, zizezityebileyo zase‐Bashane zonke. 19Niya kulidla inqata nide nihlute, nisele igazi nide ninxile, kumbingo wam endiwubingela nina. 20Naniya kuhluta esitebeni sam ngamahashe nabakweli, ngamaṙoti nawo onke amadoda okulwa, itsho inkosi e nguyehova.
21Ndandiya kumisa ubungcwalisa bam pakati kwabaheyideni; baye bonke abaheyideni beya kubona umgwebo wam endiwenzileyo, nesandla sam endisibekileyo pezu kwabo: 22ize indlu ka‐Sirayeli yazi ukuba mna ndi nguyehova, utixo wabo, kwa kuwo umhla lowo nangexesha elizayo: 23bati nabaheyideni bazi ukuba indlu ka‐Sirayeli yabifuduswa ngenxa yenkohlakalo yabo, ngenxa yokuba bebegqitile ngakum, ndaza ndabafihlela ubuso bam, ndabanikela esandleni sentshaba zabo, bada bawa ngerele bona bonke. 24Njengokwokunco̔la kwabo nanjengokwezigqito zabo ndenzile kubo, ndabafihlela ubuso bam.
25Noko ke, itsho inkosi e nguyehova ukuti: Kaloku ndiya kubuyisa ukutinjwa kuka‐Yakobi, ndiyipate ngetaṙu yonke indlu ka‐Sirayeli, ndibe nobukwele pezu kwegama lam elingcwele; 26bakuba betwele ihlazo labo, nabo bonke ubumenemene babo abenzileyo ngabo ngakum, okuya babehleli emhlabeni wabo ngokunqaba, kungeko namnye obeboyikisa. 27Nxa ndibabuyisile ebantwini, ndababuta emazweni entshaba zabo, nanxa ndingcwalisiwe kubo pambi kwamehlo ezizwe ezininzi; 28baya kwandula bakwazi okokuba mna ndi nguyehova, utixo wabo, ekubeni bendibafudusela kubaheyideni, koko ndibuye ndabahlanganisela emhlabeni wabo, ndingasasalisanga mntu kubo kona. 29Ndaye ndingasayi kubafihlela ubuso bam, oko ndigaleleyo umoya wam pezu kwendlu ka‐Sirayeli, itsho inkosi e nguyehova.

Currently Selected:

U‐Hezekile 39: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena